Uvulindlela womsasazi weekwayala eRadio Bantu

Iziko leSABC laliwuxabisile umculo weekwayala owawumtsha kubantu abaNtsundu, wawudlalwa nakwisikhululo seRadio Bantu kwicandelo lesiXhosa, eHargreaves Avenue eQonce.

Isakhiwo sezitudiyo zesiXhosa zokusasaza eQonce saqala ukusetyenziswa ngomhla wesi7 Novemba 1966, saze savulwa ngokusesikweni ngomhla wama24 Epreli 1967 nguGqr. P.J. Meyer, owayenguSihlalo weBhodi yaBalawuli beSABC ngelo xesha.

Umsasazi onguvulindlela owayesasaza umculo weekwayala ne ‘classic,’ eRadio Xhosa kanye ngeveki yayinguMnu. Lambert Luvuyo Thomas Mpotulo.

UHuskinsson, Y. (1992) lo mfo kaMpotulo, kwincwadi yakhe enoluhlu lwabaqambi abaNtsundu bamaculo esiNtu umchaza ngolu hlobo: “ULambert Luvuyo Thomas Mpotulo wazalelwa eSprings eGoli, phesheya kweLigwa ngomhla wesi7 Novemba 1941.

Wathi eneenyanga ezintandathu ezelwe wathathwa wasiwa eTsomo eTranskei apho wathi wakhuliswa nguyisemkhulu noninakhulu ababengamanxila engoma. Aba bantu badala babekhonza kwicawe yamaKatolika iRoma, apho babenendima ekwayaleni yale cawe.

Yayingabo ababeqeqesha beculisa ikwayala yale cawe. Kulapho eTsomo kulo cawe, eyathi le ndedeba inguLambert Luvuyo Thomas Mpotulo yafumana khona isakhono somculo.

ULambert Luvuyo Thomas Mpotulo imfundo yakhe yamabanga aphantsi uyiqale eTsomo Primary School, wafunda wade waya kuma kuStd V nobizwa ngokuba nguGrade 7 kwezi mini.

Emva koko waya kuhlala noyisekazi owayeyititshala, kweloMneno-Nciba kwisithili saseRhini nesibizwa ngokuba yiMakhanda. Wafika apho waya kufunda eGrahamstown HP.

Waphuma apho waya kufunda iJC eNyaluza Secondary High. Imatriki wayifunda ngembalelwano ngexesha sele esebenza kwizitudiyo zeSABC eRhini (Makhanda). Uthe akufika eRhini wanomdla kumculo weclassic owawudlalwa lijelo losasazo leSABC eRadio Bantu. Ngenxa yeso sizathu wangenela izifundo eSacred Heart Convent ezaziqhutywa nguSister Ewalda apho wayefunda ithiyori yomculo nokudlala ipiyano. Ijelo losasazo iSABC waqala ukusebenza kulo ngowe1964 engumabhalane ohlela iileta ezisuka eposini.

Ufuduke nejelo leSABC, iRadio Bantu kwicandelo lesiXhosa, xa lalisiya kugxumeka iintente ezintsha eQonce, eHargreaves Avenue. Wafika apho wonyuselwa wenziwa umcwangcisi womculo eRadio Xhosa.

Waphinda wacelwa ukuba aqhube inkqubo yeveki yomculo weekwayala eRadio Bantu kwiCandelo lesiXhosa, apho eQonce.

Ngowe1978 wayishiya iSABC wayokuziqalela ishishini eNgqushwa. Wabhala iculo elalivuyisana nokuba iziko leSABC lesiXhosa ligqibe iminyaka engama20, elithi, ‘Phambili Radio Xhosa’. Waphinda wabhala la maculo: Bhota Mfo Wasemzini; Iintyatyambo; Imibuliso.”

UHoernle, A.W. xa wayebhala kwingabula-zigcawu yencwadi kaTracey, H. (1948) ethi, “Lalela Zulu” wabonisa ukuba lo mculo weekwayala wawusasazwa yiSABC wawuthetha lukhulu ngolu hlobo kwabaNtsundu: “Nangona kulo mculo umxhentso ungekho amazwi engoma alucacisa kakuhle ulonwabo nentlungu yeemvumi eziNtsundu. Le nto yonwabisa umntu wonke, nangona yonke le nto kumphandi ngamasiko, okanye umfundi ngentlalo yabaNtsundu, la mazwi engoma aluncwadi lwemveli oluxabisekileyo. Kwezi ngoma amaZulu abonisa amava awo ngezinto zobomi.

Ngoko ke ezi ngoma zilulona lwazi olufunyanwa ngqo kubantu balo nesifundo esilixabiso. Amanye amazwi ezi ngoma asibuyisela kwimihla yentlalo yamandulo, efana nekaShaka. Kuvunywa ngeemfazwe ezaziphakathi kwezizwe eziNtsundu, neenkumbulo zamakhaya kwabo kwanyanzeleka ukuba basabele kwezinye izizwe ngeliyokuzifihla. Zikwakho neengoma ezitolika iziganeko zeemfazwe nabeLungu ababevela eYuropu.

Zikwakho neengoma apho imvumi ibonisa uvakalelo ngezasekuhlaleni, zikwakho iingoma zabohlukanayo, umzali nomntwana, isithandwa nothandwayo. Maninzi amava ngeemvakalelo zasebomini, ingakumbi ubomi obutsha obufike nempucuko yomLungu. Ininzi into apha eyonwabisayo nedala imvakalelo yosizi.

Kukho nento eninzi eyakudala umLungu eme akhe acinge ngosizi nentlungu nengxaki ayenzileyo ngokuzisa intlalo yobulolo yelizwe labeLungu.” UTracey, H. (1948) kwincwadi yakhe ethi, “Lalela Zulu” enye yengoma eyashicilelwa kwiziko leSABC yingoma yesiBhaca ebonisa ibango lomhlaba wamaBhaca, nekwabonisa ukutshintsha kobuzwe namasiko amaBhaca ngenxa yokufika komLungu.

Eyona nto idala umdla kule ngoma kukurekhodishwa nokugcinwa kolwimi lwesiBhaca esele litshabalele.

Le ngoma ikwalilifa lesiseko semveli elibonisa indlela amaBhaca awayeluthetha ngalo ulwimi lwawo engekafuthelwa yimfundo yasesikolweni, apho kufundiswa kuphela isiXhosa.

Le ngoma ihambisa ithi: ‘Lo mhlaba wakwaBhaca, Lo mhlaba wetsu, Sondliwa yiwo tsina, Sakhuliswa yiwo, Sesiluphele tsina kanye nawo bawo, Phulaphula lo mavi aleso sikhatsi, Kwathi nce kusenjalo kwafika umLumbi, Egqoke tibhulukwe netilokwe tinhle, Watsi, “Bekani phansi, Bonke ubumfumfu” Setikhulula tidwaba zethu, khahla!

Isiduko salo mfo wakwaMpotulo wayenguBhele, elimnombo walo usuka kwiiNtaba zeLenge kwelakwaZulu phesheya koThukela abantu ababongwa kwenjenjwe: Mbikazi, Ndabezitha, Mafu, Bikane, Ntetye, Mnomane, Mbandeni, Nontanda kuphakanyiswa, Ukuba upheka ilitye neeBhele, Kuqala kuvuthwe ilitye libe, Lona iBhele lingekavuthwa, Kukhanya nje kungenxa yamaBhele, Sibumbu ujongele ntoni ezantsi uza kumitha nje?

AmaBhele izinto eziqhwanyaza ngemali! Mangangegusha iguqile, Ngabantu abakhulu abakhahlelwa naziigusha, Igusha nazo zithi: ‘Bhele,’ Amatakane athi, ‘Mama ndiyagodola,’ Imazi ithi, ‘Zimel’enkangeni,’ Itakane lithi, ‘Tata ndichol’inqawe,’ Inkunzi ithi, ‘Yinqawe yam leyo!”

Onke amaBhele kwizibongo zawo afakela indawo ethi: Libonakala kakuhle iBhele, Kaloku ngulo mhlobo ungagugiyo amaBhele, Kuthiwa ukuba upheka intloko yeBhele nenyengane, Ufika intloko yeBhele igwanyile, Ibe inyengane ivuthwe dubhu, Kuqale kuvuthwe ilitye ulishiy’iBhele lihleli.