Uvutha uphindile kuGunjana

Isihelegu somlilo kavutha ogqugqisa kwilali yakuGunjana eMthatha siphindile kwakhona nangona nje abantu bomthandazo bebekhe bafika kule ndawo bezokuhesha lo sathana.

I’solezwe beliyivezile intlungu yabahlali bale lali kwinyanga ephelileyo apho imizi emithandathu ithe yatsha ngulo vutha.

Ngenxa yokuxakwa, abantu bale lali bakhe bawabiza amagqirha nabathandazeli kodwa akukhange kubonakale mehluko.

Kumzi wakwaDafeti, apho kwatsha izindlu ezine, kwaqalwa ngokubonwa umlilo ebhedini ngumntwana walo mzi.

Indoda yalo mzi uNyanayipheli Dafeti ngethuba ethetha nephephandaba I’solezwe wathi: “Ndandingekho ngethuba uqala lo mlilo. Ndatsalelwa umnxeba kusithiwa kuyatsha. Ndafika kungamadangatya indlu isitsha yonke.”

Kwiveki ephelileyo, uvutha uphindile kwaDafeti nalapho kutshe ibhedi izihlandlo ezibini.

Lo mlilo uphinda amaxhoba esalindele izindlu zethutyana azithenjiswe ngumasipala wabo iKing Sabata Dalinyebo.

“Emva kwemithandazo kwanenkxaso esiye sayifumana eluntwini sizezintsapho, kwaye kwanqumama nangona nje ubuphindile kwiveki ephelileyo kodwa awukhange uze kakubi,” utsho uDafeti.

Isithethi somasipala iKSD, uSonwabo Mampoza khange akwazi ukuphendula kwimibizo ebecele ukuba simbhalele, malunga nezindlu zethutyana ebezithenjiswe abahlali ngulo masipala, de kwalixesha lokupapasha.

Ukuva le ntlungu, i-arhente yokhuselo lwentlalo yoluntu (SASSA) eMthatha yatyelela le lali ze yashiya iingubo nokutya kumaxhoba.