Uvuyo lwabantu abaqhankqalazayo

KungoLwesihlanu emini maqanda, sisendleleni eya edolophini yaseMonti. Nyani ke sifike singene kwiivenkile ezimbalwa.

Xa sisonyuka ngeOxford siqaphele ukuba ikhona nje into ebheke ecaleni ngalo mhla; kugcwele inkunkuma esitalatweni kwaye kusekho nabanye abantu abavumbulula iiplastiki ezimnyama besasaza nayo yonke loo nkunkuma ingaphakathi kuzo. Bambi baqubuda imigqomo.

Abanye bayayikhaba okwebhola le ikhatywayo esitalatweni. Kufuphi kukwakho nabanye abazama ukutshisa amatayala emoto; nyhani lide livuthe elinye ibe nguloo msi umnyama.

Isenzeka yonke nje le nto ungacingi ukuba ubomi buphazamisekile edolophini. Abantu bayaqhubeka bayathenga kwiivenkile baphume bethe chu neegrosari zabo, bezama ngandlela zonke ukunganyatheli loo nkunkuma ithe saa. Akho mntu ukhalayo okanye oleqwayo kuyo yonke le ntshukumo yokungcolisa idolophu.

Naku ke ukwenza; abantu aba bagibisela le nkunkuma siva kusithiwa ngabasebenzi bakamasipala. Bakuqhankqalazo. Balwela umvuzo owongeziweyo. Noko, sekulithuba sazigxeka izenzo zokutshintsha nokutshabalalisa izinto ezilulutho kuthi sonke.

Asizokugxeka namhlanje. Into apha esiyiqapheleyo yeyokuba, qho abantu xa beqhankqalaza wofumanisa ukuba bayacula kwaye bakhangeleka ngathi bayavuya.

Ewe, babakhona ababombozelayo ngezikhalo zabo ezingade zifezekiswe, kodwa woqaphela ukuba uncumo yinto apha enganqabanga ngeentsuku apho kukhethwe ukuqhankqalaza. Yintoni encumisayo kukubi?

Xeshikweni sibhala bekusagcwele inkunkuma xa usehla ngesitatalato saseOxford eMonti.

Umbuzo: le nkunkuma isasazwe ngabasebenzi bakwamasipala, ingaba izakuqokelelwa ngubani xa sele kugqityiwe ukuqhankqalazwa?

Ayikokuzixakekisa na oku?

Hayi nto zakuthi, kufuneka iindlela ezintsha zokuqhankqalaza. Noko eyabantu abadala abaxhentsa enkunkumeni ayakhi sidima. Ukuba asikwazi ukusombulula iingxaki zethu ngokuthetha yenye nje ingxaki enkulu nakule siyiqhankqalazelayo ingxaki leyo.