Uvuyo uAphelele evuzwa ngeyunifomu

UAphelele Kohlani ofunda eSakhile Primary eMdantsane ubonelelwe ngeyunifomu evela kwinkampani uBright Wave Umfanekiso: BHEKI RADEBE

UTHATHWE wasiwa phambi kwabanye abafundi, kuba kaloku ibiyimini enkulu kuye.

Ngelo xesha yabe itsholoza intsholo yabafundi baseSakhile Senior Primary kwa-N.U. 13 eMdantsane, becula kamnandi iculo elizukileyo nelidumisa uMdali elithi “Masenze Indumiso”.

Ngoku ephambi kwabafundi, khange abonakalise zintloni okanye ukundweba. Ebezukile efana nelo culo beliculwa ngoogxa bakhe.

Kuko konke oku, umama wakhe ebemana ukuqwanya. Iinyembezi zisehla esidleleni ziyonqandwa ngumqala.

Le ibiyimini kaAphelele Kohlani (13) ofunda uGrade 7 eSakhile. Emva kokuqatshelwa kwemeko yekhaya lakhe, inkampani yamachiza okucoca iBrite Wave Products imthengele yonke iyunifomu yesikolo.

Ibiluvuyo kumama kaAphelele, uNomonde Kohlani. UNomonde uthi le nto yenziwe yiBrite Wave emntwaneni wakhe imnike ukomelela kwiinzingo ajongene nazo ekhaya.

“Oku kwenziwe yiBrite Wave kundinika amandla okokuba ndiphakame ndenze endinokwazi ukwenza ukuxhasa umntwana wam,” utshilo uNomonde, othi akasebenzi uxhomekeke kwimisetyenzana.

Sibuze uAphelele ngemvakalelo yakhe. Ukuphendula uqale ngokubulela wonke ubani owenze olu suku lwayimpumelelo. “Ndiyabulela kwaba bantu bandinike iimpahla zesikolo, ndibulela nakumama wam kuba uzile wazondixhasa, ndibulela nakootitshala,” kutsho uAphelele.

Simbuze ngamaphupha wakhe, wathi: “Ndifuna ukuba yiPilot (umqhubi weenqwelomoya), kuba ndinaso iSkill (isakhono) sePilot. Enye into endiyithandayo yiCricket (qakamba) kuba ndiyakwazi ukuyidlala.”

UPortia Mncono, umnini nomlawuli kaBrite Wave eFort Jackson, uthi kwinkampani benza amachiza okanye izixhobo zokucoca ze emva koko bathumele ezikolweni kwanakumashishini amancinane.

“ISakhile sesinye sezikolo esithumela kuzo iimveliso zethu zokucoca. Ngokuhamba kwethu ezikolweni siye sifumanise ukuba isikolo esithile sinabantwana ababuhleleleka, sibe isikolo kungekho nto sinokuyenza.

“Ngenxa yokuba izikolo zisixuma, saye sabona ukuba kunganjani na xa sinokwenza imbuyekezo kwizikolo ezisixhasayo. Siye sabona ukuba masithathe umntwana esikolweni simncede kwizinto ikhaya lakhe elingafikeleli kwangexesha ekumncedeni,” kutsho uMncono.

Inqununu yaseSakhile, uNothemba Dyobiso, uthi: “Ndiziva ndinochulumanco kakhulu. Into yokunceda umntwana iza kumenza agxile kwizifundo zakhe kuba uza kuzibona ukuba akohlukanga kwabanye. Iza kunika umdla ukuba aze esikolweni. Kodwa andifuni kuphosisa, uAphelele ngumntwana ozimiseleyo kakhulu.”

Ngethuba ethetha naba bafundi uDyobiso uchaphazele into yokubaluleka kwembeko emntwaneni.

“Siyishumayela umhla nezolo into yokuba umntwana onembeko ngoyena othi azuze amathamsanqa. Kodwa enye into yeyokuba akekho umntu ofanele ukuba azibone njengosokolayo. Bulela lo nto uyinikwayo okanye oncedwe ngayo uqhube nobomi bakho ukuze ubengumntu ongcono ngenye imini,” utshilo uDyobiso.

UThobeka Dabha, usekela sihlalo webhodi elawula isikolo (SGB), akakhange azibambe iinyembezi luvuyo. “Into asenzele yona uBrite Wave andikhange ndiyicinge. Ndibulela kakhulu kuPortia weBrite Wave kwakunye nootitshala besi sikolo ingakumbi inqununu yethu.”