Owayesakuba ngusodolophu waseNelson Mandela Bay uZanoxolo Wayile angaphinda abuye kwakhona kwezopolitiko, kwiminyaka emithathu emva kokugxothwa kwakhe kulandela ukungaboni ngasonye ne-ANC.
Igama likaWayile livele njengelomgqatswa wobusodolophu eNelson Mandela Bay phantsi kombutho we-United Front kunyulo loomasipala oluzakubanjwa phakathi kulo nyaka.
Elinye lamagama avele kwimingxili ye-United Front, lelo lika-Irvin Jim, unobhala wemanyano yabasebenzi besinyithi (Numsa). Kodwa uJim uwabhebhethile la mabango, esithi awayonyaniso ekwathi yena uzimisele ukusebenzela imanyano yeNumsa.
KuJanuwari wonyaka ophelileyo uJim, oyinzalelwano yaseBhayi, watyelela eMelika apho wabamba indibano neenkcuba-buchopho zeenkokeli kwelo zwe kuxoxwa malunga nokusungulwa kwe-United Front, umbutho onjongo zawo ikukuhlanganisa idabi labasebenzi kwaneengxaki abajongene nazo kwiindawo abahlala kuzo.
Ngo2013, uMongameli we-ANC uJacob Zuma ekunye nesigqeba sikazwelonke nesephondo sombutho, bagqiba kwelokuba ahlehle njengosodolophu waseNelson Mandela Bay uWayile, baze bamthumela ePalamente njengelungu lombutho we-ANC.
Ukuhlehliswa kukaWayile kwakulandela ukungaboni ngasonye phakathi kwakhe nalowo wayesakuba ngusihlalo we-ANC eNelson Mandela Bay uNceba Faku ngeenkqubo zokulawula isixeko saseBhayi, nto leyo yabangela ifuthe elibi ekusiweni kweenkonzo kwesi sixeko. UFaku wayekwangusodolophu wesixeko saseBhayi phambi kukaWayile.
UWayile wakhulelwa yingqumbo yokunyevulela imigaqo-nkqubo ye-ANC nto leyo yenza ukuba lingabonakali igama lakhe kuluhlu lwabagqatswa bobulungu bepalamente phantsi kwe-ANC ngo2014.
Oku ke, kwamnyanzela ukuba abuyele eBhayi, isixeko apho wathi wabayinxalenye yombutho weNumsa ngo1988 ngethuba wayesebenza kumzi wokwenziwa kwamavili ezithuthi iContinental Tyres.
Ngethuba i-Independent Media (iqela lomzi wopapasho-zindaba eliphethe amaphepha-ndaba aquka I’solezwe lesiXhosa) imbuza malunga nala marhe, uWayile uwubethe ngoyaba lo mcimbi esithi wonwabile yindima yakhe njengebambela-gosa likazwelonke kwicandelo lophicotho-zimvo kwiNumsa kwanakwisigqeba sikazwelonke se-United Front.
“Jonga, ubomi bam busoloko ibobetsha-ntliziyo lezopolitiko.
“Ngokokwam, ubomi asikokuxakathiswa izikhundla eziphezulu. Ndandingafuni ukuba ngusodolophu waseNelson Mandela Bay, ndacengwa iiveki ezintandathu phambi kokuba ndivume,” utshilo uWayile, okwathe akekho umntu osele eze kuye emcela ukuba azigqatse njengosolophu phantsi kwe-United Front eNelson Mandela Bay.
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro