Uwelwe sisigwebo owadlwengula inkondekazi yakokwabo!

Owavingcela ixhegokazi elinamashumi asibhozo nesixhenxe (87) leminyaka ubudala nelihamba ngesitulo esinamavili kunyaka ophelileyo, ugwetywe iminyaka engamashumi amabini engaphakathi ejele emva kokufunyanwa enetyala lokuqhekeza nelokudlwengula yinkundla yamatyala yaseMthatha.

Ngokwengxelo ephuma kothethela iNPA kula ngingqi, uLuxolo Tyali, ogwetyiweyo uThulani Titi (27) wahlasela eli xhegokazi nelisisihlobo kuye. Walihlasela kwikhaya lalo kwilali yaseMbozwana eMthatha lisalele nomzukulwana walo. Oku kwenzeka ngomhla wesithandathu kweyoKwindla 2020.

“UTiti wafika wakhaba ucango lisalele ixhoba kwakunye nomzukulwana walo, emva koko warhuqa eli xhegokazi elisa kwenye indlu, apho wafika wazenzela kulo ngolunya eqhoboshele umnyango ukuze kungangenwa. UTiti wakhawulezelwa bubuthongo esengaphezulu kwexhewukazi nelakwazi ukufumana ithuba lokumsusa, larhubuluza ukuya ngasemnyango likhwaza uncedo eluntwini. Ngethamsanqa umzukulwana walo wakwazi ukuzimela wayokukhwaza abahlali ekubeni bazokuhlangula umakhulu wakhe,” utshilo uTyali.

Abahlali bafika ngenene uTiti esekobentlombe nalapho amapolisa abizwa afika ambamba.

UTyali uthi ngethuba kuqhuba ityala, uTiti wadiza ukuba akanalo ityala kuba akenzanga nto. Nangona nje uMtshutshisi uSiphokazi Maarman-Fipaza wabeka ubungqina obucacileyo bomzukulwana kwakunye nogqirha.

UTyali uthi iNPA iyasamkela isigwebo nangona nje uMtshutshisi ebethandazela ukuba isigwebo ibe bubom ejele kokaTiti.