USAPHO lomsasazi ongasekhoyo, uLuzuko Koti, luthi kuza kuqhutywa imithandazo yokugcina usapho de ibe ngumhla womngcwabo.
Le mithandazo iza kuqhutyelwa kwikhaya likaKoti eliseThatchfield Gardens Estate, 499 Pride-Of-India eCenturion, eRhawutini.
UKoti, obe nguMphathi wesikhululo seSABC, iChannel Africa, usutywe kukufa ngoMvulo we21 kweyoKwindla, emva kwenyanga esesibhedlele eNetcare Pretoria East.
Usapho luvakalise ukuba uKoti bephila nohlobo lomhlaza wegazi owaziwa ngokuba yiLukhimiya.
UKoti, inzalelwane yaseNgcobo, waduma njengoLZK kubaphulaphuli boMhlobo Wenene FM ngethuba esenza iinkqubo zolonwabo eziquka Amalahle Countdown neGumba Live.
Phambi kokuba awushiye Umhlobo Wenene FM kwiminyaka embalwa egqithileyo, besele eqhuba inkqubo yengxoxo yakwabhadakazi Umxholo kuMhlobo.
UKoti, 47, owaqala ukusebenza eSABC ngeminyaka yoo1990 njengentatheli echolachola iindaba, bekhe wasebenza njengoMlawuli wezoNxibelelwano neeNtengiso kwiNelson Mandela Foundation.
Bekungekapheli nonyaka exhuzula imikhala njengeManejala yeChannel Afrika kwaye sele kumbovu ukuba akhuphe incwadi yakhe esihloko sithi The End Beckons Me.
“ULuzuko uphile ubomi bakhe ekhonza ilizwe neAfrika ngokubanzi ngemisebenzi yakhe beyenza. Ngokwenene eli lixesha elibuhlungu lokuphulukana nethandazwe,” kutsho othethela usapho lakwaKoti, uNontobeko uMabitsela.
“Usapho luza kungqubanisa iintloko namhlanje ngelivumelana ngosuku lwenkonzo yesikhumbuzo nelomngcwabo. Iinkcukacha mayelana noku zobuya zaziswe,” kongeza uMabitsela.
UMabitsela ukwacele ukuba ilizwe libeke umama, usapho nabantwana bakaKoti emthandazweni.
iSundowns ingombe iSibanye emdlalweni obutaka iintlantsi eLoftus Stadium!