Uwine imoto unoteksi

 

UAthabile Ngxeba uphumelele ukhuphiswano lwemoto.

Uncume waveza olukaBlankete umqhubi weteksi waseMonti emva kokuba etyunjwe njengophumelele imoto kukhuphiswano obelubanjwe yigaraji yakwaCaltex.

U-Athabile Ngxeba ungomnye wabantu abalishumi elinesibini abathe banenyhweba yokuwelwa ngumqa esandleni, elowo wazifumanela ukracaza weVW Polo NF 1.0 TSI Trendline .

UNgxeba ominyaka engama29, wangenela olu khuphiswano ngoDisemba ngethuba wayethutha abantu phakathi kweMonti neTheku. Ungenele ukhuphiswano kwaWalker Motors eGcuwa ngethuba esendleleni esingise eThekwini.

Wothuke waphantsa ukuwa isiqaqa ngethuba efumana umnxeba ombikela iindaba zokuba ungomnye wabaphumeleleyo.

“Bendiqhuba ngethuba ndisiva ezi ndaba, ndiye ndamisa ndakhoka umoya ndingakholelwa tu!,” utshilo uNgxeba ezele yimincili.

Unikwe izitshixo zalo kracaza nguMnu Pat Kelly onguMphathi woNxibelelwano kwaCaltex eMonti kutshanje.

UKelly uvuyisene noNgxeba, ehambisa esithi le nkampani yabo ibaxabisile abaxhasi bayo.

“Sikholelwa kwelokuba abaxhasi bethu baza kuqala. Kwaye sithanda nokuncoma abakwaWalker Motors apho eli ngenelo liphume khona. Le garaji yenye yamashishini enza kakuhle eMpuma Koloni,”