Uwongwe ngama-R80 000 umfundi ogqwesileyo kwisithili saseLibode

Ukusuka ekhohlo ukuya ekunene nguBulelani Mzimane oyinqununu yaseSt. Patrick's SSS, uCeliwe Makula ongudadobawo kaLikho Makaula, uLikho Makaula opase emagqabini, ibenguyise kaLikho uDaluvuyo Makaula. Umfanekiso: Siwuphiwe

Umfundi wesikolo iSt.
Patrick’s SSS eLibode, uLikho Makaula (17) uwongwe ngenkxaso-mali yokufunda
engama-R80 000 yiNkulumbuso yeMpuma Koloni, uPhumulo Masualle nge-05
kweyoMqungu ku-2016. 

Oku kusemva kokuba uMakaula ezipase emagqabini zosixhenxe
izifundo zakhe zebanga leshumi zonyaka ka-2016 ze waphuma kuqala kwisithili
saseLibode siphela.

“Andikayikholelwa
nangoku, uvuyo endinalo aluthetheki,” utshilo uMakaula.

Uthi
kulo nyaka uza kufundela isidanga sobugqirha, (Bachelor of Medicine) kwiYunivesithi
yasePitoli. UMakaula uwongwe ngesatifiketi, imbasa nenkxaso-mali yokufunda
engama-R80 000.

“Bekungalulanga kodwa
kuyanceda ukuzazi ukuba ufuna ntoni futhi uzinikezele ezincwadini  zakho, ungavumeli kwanto ukuba ikuphazamise,”
utshilo uMakaula.

UMakaula uthi umama
wakhe wasweleka ngo-2006 esenza ibanga lesi-2 kwaye utata wakhe akaphangeli.
Uthi ebefundiswa ngumakhulu wakhe ngemali yenkamnkam. Ukwathi inkxaso kamakhulu
wakhe, uyise, udade wabo omdala nosapho lwakhe lonke yiyo emkhuthazileyo ukuba
afunde ngokuzimisela ade afikelele kule ndawo akuyo namhlanje.

UMakaula uthi uzokwenza
isicelo senkxaso-mali kaNSFAS ukongeza kule-R80 000 ayifumeneyo nanjengoko le
mali ingoneli ukuba ibhatalele izifundo zakhe zalo nyaka.

Usekela-nqununu waseSt.
Patrick’s SSS, uAzlina Shinga-Gcasamba uthi banebhongo ngeziphumo zikaMakaula
nangona lehlile izinga lokupasa kwibanga leshumi kwesi sikolo kunyaka ka-2016. 

Eli zinga lisuke ku-73.5% ngonyaka ka-2015 laya ku-57.9% ngo-2016.
UShinga-Gcasamba uthi basola iintshukumo zoqhankqalazo ezithe zenzeka kanye
ngaphambi kokuba kuchotshelwe iimviwo zokuphela konyaka zebanga leshumi
ngo-2016. 

Olu qhankqalazo ibilolwabafundi abakhalazela umthetho omtsha weSebe
lezeMfundo esiSiseko othi kwiimviwo zokuphela konyaka, umfundi akazukuvumeleka
ukuba abhale izifundo azitshonileyo kwiimviwo zenyanga yeSilimela.

“Uqhankqalazo
luziphazamise kakhulu izicwangciso zethu zokulungiselela iimviwo kodwa siyavuya
kuba sikwazile ukukhupha umfundi ozipase emagqabini zosixhenxe izifundo zakhe
zematriki,” utshilo uShinga-Gcasamba. Uthi bakhona nabanye abafundi abapase
emagqabini kulo nyaka eSt. Patrick’s SSS.

UShinga-Gcasamba uthi
ukumka kwenqununu endala yesi sikolo, uVuyani Langa kweyeKhala ku-2016
kubenegalelo elibi kakhulu kubafundi. Uthi abafundi bashiyeke bengaphatheki
yaye uye wehla umdla wabafundi ngemfundo yabo. 

Ukwathi oku kwenzeke nangona
isikolo sithe samema izithethi ezikhuthazayo ukuze zizokuzama ukukhuthaza
abafundi.

UMakaula uliphakamisile
igama lesikolo iSt. Patrick’s ngeziphumo zakhe ezintle zebanga leshumi ku-2016.

“Ndiyaziqhenya kakhulu
ngoLikho. Ebengunodoli wam lowo,” utsho ngoncumo uShinga-Gcasamba. “Uzokutsho
akwazi ukuphucula imeko yakowabo njengokuba engasenaye umama futhi utata wakhe
engaphangeli,” wongeze ngelitshoyo.