Uwongwe ngembasa uMujuru

Umongameli wombutho weZimbabwe People First uJoice Mujuru uwongwe ngembasa ngenxa yobugorha bakhe bokubonakalisa ukungamoyiki umongameli uRobert Mugabe ophetheyo kwela lizwe.

Lo kaMujuru ufumene imbasa emqhwabela izandla ngokushiya kwakhe kwisikhundla sokuba ngusekela mongameli wela lizwe aze aphinde achaze esidlangalaleni ukuba unqwenela ukungena kugqatso lokongamela ela lizwe ngonyaka ka2018.

Lo mbutho obizwa ngokuba yi-International Sheroes Forum uqwalasela umsebenzi omhle owenziwa ngamakhosikazi athile kwihlabathi uze ubanike amawonga.

Kulo msitho ububanjelwe eDubai ngoMvulo wale veki uMujuru wamnkele iwonga lakhe ekunye neenkokhelikazi eziphuma kumbutho weMDC yaseZimbabwe eziquka uPriscilla Misihairibwi-Mushonga kwanosekela mongameli weMDC-T uThokozani Khupe.

Lo kaMujuru kwinyanga ephelileyo uxelele uMugabe esidlangalaleni ukuba akamoyiki nganto, kwaye akajiki kwelokuba bazakukhuphisana ngesikhundla sokongamela iZimbabwe.

Le nkosikazi yenze inguqu kwimeko yezopolitiko yaseZimbabwe ngokuthi imisele umbutho wayo (Zimbabwe People First) ojonge ukunika umceli mngeni kuRobert Mugabe.

UXernon Clayton oligqala lokulwela amalungelo oluntu eMelika udlale indima ukuxhasa impumelelo yezi mbasa kumakhosikazi adlala indima eyodwa entlalweni.

Osisithethi sombutho weZim-PF uRugare Gumbo uthi kuyabavuyisa kakhulu ukunikwa imbeko yimibutho yehlabathi.

“Kuyavuyisa kakhulu ukubona amazwe ehlabathi ebonisa ukuwuqwalasela umsebenzi owenziwa yile nkosikazi. Eli wonga liyakhuthaza kuye nakumalungu ombutho wakhe ngokunjalo,” utshilo uGumbo.

Ilizwe laseZimbabwe lilungiselela ukuya kunyulo lukazwelonke kunyaka ka2018, kwaye kulindeleke ukuba ibelelona linika umdla kuba kukho umbutho omtsha ofana ne Zim-PF.