Umkhuseli woluntu uThuli Madonsela ufumene ingqwalasela eyodwa ngomsebenzi wakhe ngethuba ewongwa ngembasa iGerman Afrika Prize Award yalo nyaka.
Le mbasa iphuma kumbutho iGerman Africa Foundation, inikwa abantu abazinzalelwane zeli leAfrika abathi bazibonakalise ngokuphakamisa ulawulo lesininzi, uxolo, umthetho, amalungelo abantu nemicimbi yemveli.
Ethetha namajelo eendaba uMadonsela uthe: “Njengeqela le-ofisi yoMkhuseli woLuntu asifuni ngqwalasela okanye mbasa izakuthi, kodwa kuyasikhuthaza ukubona abanye abantu bebonakalisa umdla kumsebenzi wethu,” uthethe watsho uMadonsela.
Uthi benza umsebenzi wabo beqhubela phambili uxanduva labo ngoko- mgaqo siseko bexhasa intando yesininzi, konke oku kukhokelwe ngumnqweno wokubona ilizwe liqhubela phambili.
Le mbasa kulindeleke ukuba uMadontsela ayamnkele ngokusemthethweni ngenyanga yeDwarha walo nyaka.
Oku kuza kungqamana ngqo nexesha lokuphela kwexesha lakhe lengqesho kula ofisi njengoMkhuseli woLuntu.
UMadonsela uzibizele amehlo ngokuthi avumbulule amanyundululu ngokuphanda ibholo lase- Nkandla ebelichaza ngemali karhulumente esetyenziswe ngokungemthetho ukulungisa ikhaya likaMongameli Jacob Zuma.
Lo kaMadonsela wenze umahluko omkhulu xa ethelekiswa nabo bebesebenza phambi kwakhe kule ofisi abafana noSelby Baqwa.
Ixesha lakhe kule ofisi lifikelela esiphelweni ekupheleni kwenyanga yeDwarha kulo nyaka.
Usihlalo wekomiti ejongene nentolongo nezobulungisa epalamente uMathole Motshekga uthi, balindele igunya kwi ofisi yesithethi sePalamente ukuba ibakhulule ukuze baqalise nenkqubo yokuchola-chola amagama abo bazakungena kwesi sikhundla.
“Kuzakukhutshwa intengiso emema abantu ukuba bafake amagama abantu abanqwenela ukuba bangene kwesi sikhundla, nabo banegunya lokufaka amagama abo, ukuze siqalise ukwenza uluhlu labo babonakalisa iimpawu zokwenza lo msebenzi kakuhle, ”ucacise watsho uMotshekga.
Lo kaMotshekga uthi, ipalamente ivalile ukusukela izolo iyakuvula ngenyanga yeThupha emva kolonyulo loomasipala, bazakuqalisa ngelo xesha ukuqwalasela lo mcimbi.
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo