Uwongwe ngesidanga sobuGqirha uSongelwa

Dr Nomzi Madlamini Songelwa

Uwongwe ngesidanga sobuGqirha yiYunivesithi yamazwe ngamazwe iTrinity International Bible umama uNomzi ‘MaDlamini’ Songelwa (62) waseMakhaya eKhayelitsha.

Ufumene iwonga njengoGqirha weFilosofi kuPhuhliso loLuntu ngenxa yemisebenzi yakhe ekudala eyenzela uluntu.

Eli wonga ulifumene ngoMgqibelo ngomhla wethoba kule iphezulu.

“Andikhange ndikholelwe ngethuba ndifumana eli wonga kuba kaloku isidanga sobuGqirha khange ndisiyele esikolweni koko ndithethelelwe yimisebenzi yam,” utshilo uMaDlamini oligqirha eliphume izandla, elaqala ukunyanga ngesiNtu ngomnyaka ka1982.

UMaDlamini uthi sele kulithuba esebenza nebhunga lovavanyo lwamayeza ukuzama ukuqwalasela nzulu amayeza esiNtu kwanalawo aseNtshona.

Esitsho kananjalo ukuba neCape Nature iyabafundisa indlela yokunakekela indawo xa besikha amayeza khon’ukuze bangawatshabalalisi.

“Kubalulekile ukuba indalo siyixabise yaye siyikhusele ukulungiselela ukuba angatshabalali amachiza khon’ukuze akwazi ukudlulela kwisizukulwana esizayo.

Uthi amagqirha akanalungelo lokubulala izilwanyana ukuba kukho iimfele kungenjalo isikhumba senyoka, kufuneka bathethe nabasemagunyeni khon’ukuze ezi zinto bazifumane ngokusemthethweni.

UGqr Songelwa ubongoza onke amagqirha ukuba aluhloniphe ulwandle xa esenza imisebenzi yawo, angashiyi izinto ebesebenza ngazo ngelithi oku kukugcina indawo icocekile.

Esitsho kananjalo ukuba kubonwa ungcoliseko elwandle. Woleke ngelithi ukuzuza eli wonga ngegalelo lakhe kwimisebenzi yokuphuhlisa uluntu kumnike amandla nangakumbi ukuba akhuthale encedisa ukuphuhlisa, ezama ukukhawulelana neemeko abajamele nazo.