Uxanduva lukatitshala esikolweni

OOTITSHALA banoxanduva lokuqinisekisa ukuba abantwana ezikolweni balungiselelwa ikamva elizakubenza ukuba babe ngabantwana abanomahluko ebomini kwixa elizayo.

Ukwenza oku, utitshala kufuneka agxile kwinto afanele ukuyenza – ukufundisa umntwana – kwaye akwenze oku ngokuzinikela nangeqhayiya.

Oku kuthethwe nguMongameli wombutho wootitshala iNational Professional Teachers’ Organisation of South Africa (Naptosa) uNkosiphendule Ntantala.

INaptosa ibibambe indibano nootitshala eMdantsane kwiveki ephelileyo, apho imiba ephathelene noxanduva lukatitshala ithe yaxovulwa.

UNtantala uthi izinga lemfundo eMpuma Koloni lingaphucuka xa isebe lezemfundo, kuquka nootitshala, bengathi baqinisekise ukuba abafundi abakumabanga aphantsi banikwa ingqwalasela kwanenkxaso ngezixhobo zokufunda.

“Sinempazamo yokugxila kuGrade 12 kuphela, silibale ukuba kukho amabanga aphantsi afuna ukunikwa ingqwalasela nenkxaso emandla,” utshilo uNtantala.

UNtantala, okwayinqununu yesikolo samabanga aphezulu iVuli Valley eGcuwa, uthi xa isebe lezemfundo lingathi liqiniseke ngomgangatho wemfundo kumabanga aphantsi, ungalula umxakatho kumabanga aphezulu.

Ukwathe akwamkelekanga ukubona abafundi, ababalelwa kwi-60%, beyeka isikolo phambi kokufika kuGrade 12.

Oku kungokuba, ngokokutsho kukaNtantala, kubangela ilizwe ukuba liqhwalele kwiinjongo zalo zokuphuhlisa ilizwe. “Iingxaki esinazo elizweni, zingasombululeka xa sifundisa ilizwe [ngokwasesikolweni],” utshilo.