Uxanduva lweNkosazana nobukhosi

Bobabini iNkosazana neNkosana banemisebenzi eyahlukeneyo kwaye akukho mkhulu kunomnye. INkosazana kulindeleke ukuba iyokuma ubukhosi basizwe simbi njengeNkosikazi, iNkosana kulindeleke ukuba ingene ezinyaweni zeNkosi ime uBukhosi besizwe sakowayo.

Ngako oko ziiNkosi zombini ezi kumakhabathiso ohlukeneyo. Buninzi ke ubucukubhede bawo omabini la makhabathiso, kunjalo nje akukho nto imele kuxaka nokuba sele kutheni na, ingathi ixake sukube kukho ukutyeshelwa kwemithetho.

Kutsha nje sibone iNkosazana iwutyeshela umsebenzi wayo ukuba igilane neNkosana, ikwenza oko ixhaswa nguMgaqo-siseko woMzantsi Afrika wedemokhrasi.

Abantwana begazi nezizwe sibabone bengquzulana ngokungenalusini kule minyakana imbalwa idlulileyo, ikhawu nentshuntshe yabo ingulo Mgaqo-Siseko ndini. Kwakuchukunyuswa uMgaqo-Siseko ke ngabantu abagwexa imithetho yesizwe sabo kuwa yonke into engenye, kume uMgaqo-Siseko.

Ndiziyekile ke ezakokwethu iingxaki ukuphepha ukuphambana nemvula, mandiwelele kwezinye iintlanti ndiye phaya kwaVenda. AmaVenda ayayazi imithetho yawo ngobubanzi bayo. Isaziwa injalo, sibona iNkosazana (hayi iNkosana) ibanga ukungena ezinyaweni zikayise ukuba ibe yiNkosi yesizwe sakokwayo, nto leyo iyaziyo ukuba ayinjalo kwaVenda.

INkosazana le ibanga ngelithi ikuphela komntwana osesikweni kuyise, ngako oko akukho mntu wumbi umele kuxhamla kwizinto zikayise ongasekhoyo. Ngamafutshane, iNkosazana iwenza ilifa umcimbi wobukhosi besizwe sakowayo. Ukuba uli lifa ngenene, awumelwe kuxhanyulwa mntu wumbi ke ingeyiyo. Eyokuba akunjalo kwaVenda iyityhiliza ngoMgaqo-siseko ezinkundleni. Ithi ke iNkosazana ifuna ukudala imbali kwaVenda, ilitshintshe eli siko.

Imithetho yakwaVenda ke inje, ngokuyiva kwam: akabi yiKumkani umntu obhinqileyo kwaVenda. UBukumkani apho asinto izenzekelayo, buyenziwa. Enokuba iNkosazana le ibangayo ibiyiNkosana, kwaVenda ibingazu kungena ezinyaweni zikayise kuba kuthiwa izelwe kwiminyaka emithathu ngaphambi kokuba uyise angene eBukumkanini, ukutsho oko ayizalelwanga lukhukhweni lwaseBukumkanini.

Nonina wale Nkosazana kuthiwa akazange alotyolwe, endingaziyo ukuba kwakutheni na ke. Ukungalotyolwa kukanina ke kuthetha ukuba akazange abe yiKumkanikazi esesikweni, ngako oko ebengena kuzala Nkosana ifanele kungena ezinyaweni zeKumkani.

KwaVenda, umcimbi wokuthatha iintambo, nokuba sele ucace kangakanani na, uchotshelwa likhaya. Abaselungelweni lokuthatha iintambo ababandakanywa kulowo mcimbi, baxelelwe isigqibo ze bathobele. Umzekelo, ekukhothameni kweKumkani neyayingena nyana, endaweni yokuthatha umninawa wayo kwathathwa ongezantsi komninawa. Uyambomba ke naye umninawa ekungazange kunikwe yena, uthi ukuba uBukumkani ayibunikwa le Nkosazana bulunge kuye. Imamalatile!

KwaVenda, iKumkanikazi ezala iNkosana enokungena ezinyaweni zeKumkani kufuneka kube kanti yiNkosazana nayo ngokwayo, ukutsho oko iphume ebuKumkani ukuba ize kuba yiKumkanikazi (njengoko besele ndicacisile).

Ngaphezu koko, iNkosazana ukuze ibe nokuzala iNkosana enokungena ezinyaweni zeKumkani kwaVenda kufuneka kube kanti ilingenele isiko elibizwa ngokuba ‘yiThondo’ lokulungiswa kwayo njengeNkosazana eza kwendela eBukumkanini. Okwesininzi ke kufuneka kube kanti ilobolo yeNkosazana ikhutshwe yindodakazi yayo, hayi yiKumkani ngokwayo.

Kwimeko yale NKosazana ibangayo ke, kukho ukungangqineki kokuzaliswa kwale mithetho yakwaVenda ndiyibalulayo, ngaphezu kwalo wokuba ibhinqa lingena kuba yiKumkani ngokwakwaVenda.

Abantwana begazi ke abacingi ukulwa bodwa kungekho zibhoja zibathelekisayo, nqwa namawele. Unangoku ke, isizwe sahlulelene kubini ngale nyewe, abanye bahamba neNkosazana ngeli xa abanye behleli kwisigqibo ekwavanwa ngaso ngokwemithetho. Ukho ke obathelekisayo!

UMgaqo-siseko kwelawo icala uphethe ihlolo ukuphunzisa amathokazi nencakuba yokuthen’ iinkunzi nomduduma ukubethisa ngezulu ezibuyela ekhaya. Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba