‘UXasa makasombulule inyewe yaseMnquma’

Umanejala kamasipala waseMnquma uSindile Tantsi. UMFANEKISO: ANELE RAZIYA

USIHLALO weDA eMpuma Koloni uVeliswa Mvenya umemelele kuMphathiswa woorhulumente basemakhaya kwakunye nemicimbi yeenkosi ephondweni uFikile Xasa ukuba asombulule iingxaki ezigubungele umasipala waseMnquma.

 

“Iyacaphukisa into yokubona umasipala waseMnquma ukule meko, kwinyanga nje emva kokuba kubuywa kunyulo loomasipala.

 

Akukho nto eyakuze yenzeke xa umanejala kamasipala uSindile Tantsi ecinga ukuba uyalingana neenkokeli zopolitiko. 

Umasipala waseMnquma sokuze usebenze ngendlela elungileyo, xa kukho izityholo zokuba umanejala kamasipala (Tantsi) utshixe iingcango zikamasipala wakugqiba wazithathela kuye izitshixo,” utshilo uMvenya.

 

UMvenya ukuthethe oku emva kweengxelo zokuba uTantsi uye watshixa amasango ezakhiwo ezithile eMnquma kulandela ukunqunyanyiswa kwakhe libhunga lalo masipala.

 

UMvenya uthi uXasa bekufanele ukuba kudala engenelele eMnquma. “Simemelela kuXasa ukuba asombulule inyewe yaseMnquma, kuba uluntu ekufanele ukuba lufumana iinkonzo luyachaphazeleka ngulo mlo,” utshilo uMvenya.

 

Umbutho iANC eAmathole nawo uvakalise ukungoneliseki yindlela aziphethe ngayo uTantsi. “UMnu. Tantsi udelela isikhokelo sezopolitiko eMnquma. Ukwadala neyantlukwano ngokuthi avuya-vuye uxolo kwisikhokelo sezopolitiko kwibhunga laseMnquma,” itshilo iANC yaseAmathole kwingxelo ebonwe liphephandaba I’solezwe.

 

Isithethi sikaXasa uMamkeli Ngam uthi lo mphathiswa sele edibene neenkokeli zikamasipala waseMnquma kuquka nabasemagunyeni kulo mmandla. “Eyona nkxalabo yesebe ngumba wokusiwa kweenkonzo eluntwini. Sinethemba lokuba isisombululo kule ngxaki yaseMnquma sizakuvela kungekudala,” utshilo uNgam.