UXasa uthembisa isisombululo kwingxubakaxaka yaseMnquma

Umpathiswa uFikile Xasa esamkela unxwebhu lezikhalazo zabahlali baseMnquma. Umfanekiso: Anele Raziya

UMphathiswa weSebe leNtsebenziswano
kuRhulumento, nemicimbi yeeNkokeli zeMveli uFikile Xasa uthi sokuze uMasipala
waseMnquma ubenoosodolophu ababini, izabhokhwe ezimbini kunye noosomlomo
ababini ebhungeni.

UXasa ukutsho oku
ngexesha esamkela unxwebhu lezikhalazo zabahlali baseMnquma abakhalaza ngelithi uManejala kaMasipala, uSindile Tantsi makalahle kwesi sihlalo.

UXasa uthi into
yamabhunga amabini aseMnquma ifikile kubo beli sebe, baze bayigqithisela
kumbutho we-ANC.

“Malunga nomcimbi
wamabhunga amabini siyixelele i-ANC, kwaye nayo ithi sele iyalele ooceba ukuba
balungise yonke lemeko,” uqhube watsho uXasa.

Uthe ukuqala ngoLwesibini lo masipala
uzakukhokelwa libhunga elinye, nangona engatshongo ukuba uThobeka Bikitsha osuswe kwesi sihlalo ligqiza elikhokelwe guThobokazi Ntanga uzakubuyiselwa njengosodolophu kusini na, okanye kuzakukhokela uNtanga.

Ukwathi uze
ngokwakhe eMnquma ukuzokuphelisa into yokubanjwa kwamabhunga emacaleni ngooceba
abathile besonyulana.

UXasa uthi
bazakuzivelela zonke inkalo zomthetho ngaphambi kokuba bathathe isigqibo, kodwa
uyibeke yacaca eyokuba umasipala abazukuwuchitha koko bazakubonisana nooceba
abangaphakathi ebhungeni.

“Iyakuba yinto
yokugqibela ukuchitha umasipala, okwangoku sizakuhlala phantsi naye wonke ubani
ochaphazelekayo kwingxaki yaseMnquma,” utshilo uXasa.

Abahlali bathi le nto
yokungaboni ngasonye kweenkokheli kwibhunga likamasipala eMnquma ithwaxa bona
kwinkonzo, kwaye umphathiswa uXasa makayisombulule lenyewe ngokukhawuleza.

Obefunda inxwebhu
labahlali uNocwaka Bizane uthi umasipala kunzima nokuba unike inkxaso kwinkqubo
zabantu abakhubazekileyo.

“Akukhonto siyenzelwayo
eMnquma singabantu abakhubazekileyo kodwa savota nathi,” utshilo uBizane

Balindele isisombululo kuXasa ngomso, kwaye bafuna ukuba akhululwe uTantsi
kwisinkundla sakhe.

Bezisaqhuba iingxoxo
phakathi komphathiswa kunye nabo bachaphazelekayo kwingxaki zaseMnquma ngexesha
sipapasha elinqaku.