UXasa uvala inyanga yamanina eQonce

Ngelivala inyanga yamanina, usekela mphathiswa wesebe Lotyelelo eMzantsi Afrika, uThokozile Xasa, uzakuba exovula iingxaki ezambethe amanina ingakumbi amantombazana asafundayo.

Ingxelo ithi lo mphathiswa uxakuba exoxa namantombazana aphuma kwizikolo zaseQonce neziphaluka ngenjongo yokukhangela amacebo okwenza ngcono ubomi bamanina ngokumbi amantombazana.

Le ngxoxo kulindeleke ukuba igxile kakhulu kumcimbi wemicelimngeni ajamelene nawo amakhosikazi namantombazana kwimpilo yawo yemihla ngemihla. Kukwalindeleke ukuba kukhangelwe imiqobo ethintela ukukhula kwamanina kulawulo lwentlalo ngokubanzi.

Lo mcimbi uzakuvalwa ngentetho ephambili ezakuba isenziwa ngokaXasa emva kwengxoxo ebanzi ngamantombazana ekhangela amacebo okukhulisa amanina nje ngokubanzi.

Kwimpelaveki egqithileyo inkulumbuso yeliphondo, uPhumulo Masualle, ukhokele ingxoxo-mpikiswano ebiphakathi kwamantombazana aphuma kwindawo ezahlukeneyo kweli phondo, eKomani.

Amanina weli phondo aqhube izikhumbuzo ezahlukeneyo ngelikhumbula amakhosikazi oMzantsi Afrika athi aqhuba uqhankqalazo olaluchasene namapasi, ePitoli, ngonyaka ka-1956.

Previous articleVela Bahleke
Next articleVela Bahleke
SHARE