Uxhasa umongameli oyinkosikazi uMam’ uBiko

Inkosikazi kaSteve Biko, uNtsiki Biko, uthi uyaluxhasa uluvo lokuba umongameli olandelayo weli loMzantsi Afrika ibe yinkosikazi.

“Amakhosikazi akulungele ukungena kwesi sikhundla, sele ezibonakalise kumanqwanqwa ohlukeneyo afana noshishino nezopolitiko,” uthethe watsho uBiko.

Uthi amakhosikazi ayeqhuba uqhankqalazo olwaluchase inkqubo yamapasi ngo1956, ayikhomba indlela ekumele ilandelwe ngamanina ukukhokela ilizwe.

“Lifikile ixesha lokuba amakhosikazi azibonakalise ukuba ayakwazi ukwenza izinto njengamadoda, ingakumbi kumcimbi wolawulo kurhulumente,” ucacise watsho uBiko.

Ibutho lamanina kumbutho weANC lahlukene phakathi ngalo mbono, kukho abo baxhasa ukunikwa kwenkokheli yasetyhini ithuba lokuba iphathe, logama kukwakho abo bagazi linxubileyo ngalo mcimbi.

“USteve wandishiya ndineminyaka engamashumi amathathu kuphela, kwakubuhlungu kakhulu, kusebuhlungu nanamhlanje ukucinga ngaye, kodwa kuba ndingumama othandazayo noko kungcono,” itsho le nkosikazi.

USteve Biko wayeyinkokeli yombutho weBlack Consciousness Movement eyayikhuthaza ukuzingca kwabantu abamnyama eMzantsi Afrika ngeminyaka yo1970.

Wabhubhela esiseleni samapolisa emva kokubethwa ngalo magwala orhulumente wengcinezelo ePitoli, ngomhla we-12 kwinyanga kaSeptemba ngo1977.

UNtsiki uthi zisaqaqambile kuye iinkumbulo zamazwi kaSteve phambi kokuba abhubhe ngaloo nyaka weshwangusha.

“Uyithethile le nto yokuba ndizakuba ngumhlolokazi ndineminyaka engama-30, uninzi lwezinto azithethileyo zenzekile emva kokuba ebhubhile,” utsho uMam’ uBiko.

Uhambisa athi amakhosikazi zimbokodo zokwenene ezikwazi ukumitha umntwana zimkhulise, ziphinde zimenze inkokheli.

“Ezi nkokheli uzibonayo kuthwa zintloko, ayikho intloko ekhe iphile ngaphandle kwethambo lomqolo, amakhosikazi alithambo lomqolo kwezinkokheli sizibonayo, indima yawo ibalulekile, iyakuhlala ibalulekile,” utshilo.

Njengabo bonke ootata, uSteve ebesisithandwa, utata, umyeni kunye nomntwana kumama wakhe uMamCethe.

“Ebenothando kubantwana bakhe, kodwa ekwangutata orhabaxa xa kufike elo thuba ingakumbi kwindlela yokuziphatha kubo. Ngenye imini imvula iyanetha, ndimcele ukuba aye kubeka uNkosinathi esikolweni, uthe yena bakhona abanye abantwana abanetha yimvula apha phandle besiya esikolweni, naye makahambe anethe aye esikolweni, namhlanje uNkosinathi yindoda enosapho lwayo,” ubalise watsho uMam’ uBiko.

Ngaphandle kokukhokela kwezopolitiko, uSteve ebakwa ngugxalaba libanzi ekuhlaleni, ethanda abantu ebehlala nabo eGinsberg.

“Xa kufika umntu apha eze kuboleka imali, ebemnika ngaphandle kwengxaki, kodwa xa kufike umntu ofuna imali, yena engenayo, ubegqogqa ibhegi yam ayikhuphe yonke imali, anike lowo udinga uncedo lwemali.”

Uthando lukaNtsikie noSteve Biko luqale ngethuba bedibana eThekwini, uNtsikie efunda kwisibhedlele iKing Edward, uSteve efunda kwiYunivesithi yaseNatal, baza bazimanya ngeqhina lomtshato ngo1970.

Ethetha kwinkonzo yase-St Johns eRhawutini ngempelaveki, usihlalo wombutho we-ANC uBaleka Mbethe uyigxininisile into yokuba kufuneka umongameli wasetyhini kweli.