Uza kuvela kwinkundla yamatyala kuTsolo kusasa ngoLwesine umzukulwana oneminyaka elishumi elinesithandathu (16) ojongene nezityholo zokuxhimfa umakhulu wakhe ngelitye entloko.
Esi sihelegu sokuhlaselwa kwalo gogo oneminyaka engamashumi asibhozo anesithathu (83), senzeke ngoLwesine kwiveki ephelileyo nebingumhla wokuqala kule nyanga yamanina.
Esi sehlo senzeke emini emaqanda kwilali yaseTyeni kuTsolo nabamshiye ebhubhile ugogo. Abarhanelwa bebebabini ngokokutsho kwamaPolisa babe bezogqume ubuso ngebhalaklavu ngethuba besenza eli sikizi kugogo.
Ngokwengxelo yamaPolisa aseMpuma Koloni, umzukulwana kagogo uxelele abamelwane ngesi sehlo, nabaye babiza amaPolisa, ekuphandeni kwawo kuye kwabanjwa umzukulwana lo njengomrhanelwa kweli tyala lokubulala.
Ugogo ebebulawelwa imali kufunwa imali kuye nobengenayo ngala mzuzu.
Umzukulwana uza kuvela kusasa. Igama likamakhulu alibhalwanga liSolezwe lesiXhosa kuba umzukulwana esengaphantsi kweminyaka. Omnye umrhanelwa usakhangelwa.
Kule nyanga sikuyo yinyanga yamanina. UPetros Majola weKhula Community Development EC, ejongene nokulwela amalungelo abantwana kwakunye namanina, uvakale esithi ucelela uxolo wonke umntu obhinqileyo nabantwana kuba akazi benze ntoni.
UMajola uthi naye uhambisana namazwi eNkulubaphathiswa yaseMpuma Koloni uOscar Mabuyane obebongoza uluntu ekubeni lusebenzisane ukulwa ukuhlukunyezwa koomama nabantwana.
Umzukulwana ebevelile ngoLwesibini kule veki ityala lakhe lamiselwa uLwesine.
IMasimanyane ikhuthaza ibhola ekhatywayo kumantombazana ngeenzame zokulwa iGBV