Uxhuzula de aziyekele, kuba akahoywanga

U-Ayabonga Dungwe onesimo sempilo esimaxongo ehleli kowabo UMFANEKISO: SIYANDA ZAKHE

“XA ndifikelwe yingulo yam yokuxhuzula, ndixhuzulela ebhedini ndide ndiziyekele kuba akukho mntu wokundinceda.”

La ngamazwi kaAyabonga Dungwe wase-N.U. 16 eMdantsane. UDungwe ngumfana oneminyaka engamashumi amabini. Uhlala yedwa endlini, futhi akanamntu wokumphekela.

Umnqa ngowokuba ikhadi lakhe lokurhola imali yesibonelelo sikarhulumente sabagulayo lihlala kwesinye sezihlobo zakhe.

Ukutya kukaDungwe komhla nezolo nguphuzamandla (Morvite) kwakunye nesonka. Le meko imbangela ukuba acele ukutya koomakhelwane.

“Nditya uphuzamandla nesonka, xa ndifuna ukutya ndicela komnye ubhuti apha elokishini. Utatomncinci wam wandigxotha kwa-N.U. 2 esithi andimameli. Usisi wam yena uhlala eAmalinda, umane endithengela ukutya ngemali yam yesibonelelo,” utsho uDungwe.

Umakhelwane oxhalabileyo kaDungwe, uSakhumzi Ncamani uthi imphatha kakubi imeko yalo mfana. “Ndiva buhlungu xa emana efika endlini yam eyocela ukutya. Yiyo le nto ndicinge ukuba mandifowunele iphephandaba, kuba ndifuna ancedakale,” utshilo uNcamani.

Usisi kaAyabonga, uSiphe Dungwe, uthe: “UAyabonga akafuni kumamela. Utya uphuzamandla kuba ndifuna atye iipilisi kwakusasa.”

“Sizenzile iinzame zokuba aphindele kwatatomncinci. Siza kubuyela kwa-N.U. 16 siyohlala naye,” utsho uSiphe.

Ngokwenkcaza ephuma kwa-Epilepsy SA abantu abanesifo sokuxhuzula kufuneka kubekho umntu kwaye lowo uxhuzulayo mngqengqise ngecala uqinisekise ukuba uyaphefumla. Beka into yokuqamela kwintloko yakhe xa exhuzula.