Uxhwilwe kwisithandwa sakhe wadlwengulwa

INKOSIKAZI eneminyaka engamashumi amabini yasePutuma eXhorha, idlwengulwe ubusuku nemini ngumntu emaziyo kodwa endaweni yokufumana ubulungisa icengwa ngeR500 lusapho lomrhanelwa ukuze kucinywe ityala.

Le ntwazana, esingenakuyichaza ngenxa yokukhonkxwa ngumthetho okhusela amaxhoba odlwengulo, idlwengulwe ngumrhanelwa oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu emva kokuxhwilwa ihamba nesinqanda-mathe sayo kule lali ekuqaleni kwale nyanga.

Ingxelo zithi umrhanelwa waxelela iqabane lexhoba ukuba unomona ngokumbona ephelekwa sisinqanda-mathe esihle okwexhoba. Umrhanelwa wagrogrisa isinqanda-mathe sexhoba ze wafumana ikroba lokuxhwila ixhoba, walitsalela kwindlu engahlalwa mntu apha elalini wandula ukulisa kowabo walidlwengula kwasa phandle.

“Wandiqhwaba ngempama esithi ebefuna ukundiqhasa emgidini kodwa akabi nathuba. Wanditsalela kwindlu esakhiwayo wandidlwengula. Emva koko wandithatha wandisa kowabo, nalapho wandidlwengula emana ukundibetha.

“Ngoku andidlwengulayo wayendoyikisa esithi uzakundibulala ukuze kungcungcutheke iqabane lam,” kutsho ixhoba.

Lo mrhanelwa waligcina ixhoba de kwasemini, walinyanzela ukuba lihlambe phambi kokuba alikhulule emva kokuba kufike amalungu osapho lwexhoba alihlangula.

Ixhoba lithi ngoku lifumana ukucengwa ngamalungu osapho lomrhanelwa kusithiwa makacime ityala, uzakuphiwa amakhulu amahlanu eerandi (R500).

“Ndabaxelela ukuba andifuni mali mna, ndifuna abanjwe avalelwe,” litsho ixhoba.

Ixhoba laya ukuyovula ityala emapoliseni. Ekufikeni kwawo amapolisa, ngethuba esancwina umrhanelwa, acela kwayena ukuba ayokubathengela icuba kwivenkile ekufutshane ze wafumana ithuba lokubaleka umrhanelwa kwabe kanti kukusinda kwakhe ekunqakulweni ngamapolisa.

Ixhoba lishiyeke lixhelekile yimpatho-mbi emapoliseni. Lithi eyona ilicaphukisayo yeyokuba nalo buqu likhe lathunywa iAirtime ngamapolisa kodwa liphantsi konxunguphalo. Kunangoku, umrhanelwa akakabanjwa.

Isihlobo sexhoba sithi sidanile yindlela amapolisa athe alisingatha ngayo eli tyala.

“Eyona nto indicaphukisayo yile yokuba amapolisa akayihoyanga imvakalelo yexhoba. Ixhoba likhe lagqiba iveki lingayi esikolweni. Enye into esikruqulayo kukuba usapho lomrhanelwa lucenga ixhoba ngeR500 lusithi makacime ityala, into esingenakuze siyiyeke yenzeke,” utshilo olilungu losapho lexhoba.

Uceba wale ndawo uLungisa Mahobe, uthi kuludano olukhulu ukuphoxwa ngumbuso kwabantu abangamaxhoba olwaphulo-mthetho.

Isithethi samapolisa ale ndawo uLieutenant Colonel Mzukisi Fatyela ubonakalise iimpawu zokuvelana nemeko elithe lajongana nayo ixhoba, watsho esithi uzakulilandelela ukuba lixinge ndawoni eli tyala. Abahlali basePutuma bakwabhalele kuMphathiswa wamapolisa kuzwelonke uFikile Mbalula, besithi makangenelele kumbandela wolwaphulo-mthetho abathi ludlangile kwindawo yabo.