Uxinzelelo kuZuma ngenxa yentlaninge yamatyala

Ukubuyiselwa kwakhona kwiGunya-Bantu lezoTshutshiso (NPA) kwamatyala ezityholo zobuqhophololo kaMongameli Jacob Zuma kuthetha ukuba uza kuzinikezela iintambo njengoMongameli weANC ephantsi koxinzelelo olumandla, nanjengoko kushiyeke iinyanga ezimbini ahlehle kwesi sikhundla.

UZuma sele evakalisile ukuba akangeneli ugqatso lwesihlandlo sesithathu njengoMongameli weANC kwinkomfa ezakubanjelwa eRhawutini kweyoMnga.

Oku kuza emva kokuba inkundla yezibheno eBloemfontein isikhabile isigqibo seNPA sokuchitha amatyala ezityholo zobuqhophololo kaZuma abalelwa ngaphaya kwamakhulu asixhenxe ngo2009, nto leyo eshiya uZuma kwintende yeNPA kwakhona ukuba ajongane nala matyala kusini na.

Ukukhatywa kwesigqibo seNPA kuthetha ukuba uZuma kuza kufuneka ajongane nala matyala kwakhona, ukuba iNPA iyawabuyisela kwakhona kwinkundla yomthetho.

Esi sigwebo senkundla yezibheno siza emva kokuba iDemocratic Alliance ifake amaxwebhu kule nkundla ifuna ukuba kutshutshiswe uZuma. 

Esenza isigwebo ngoLwesihlanu, uJaji Eric Leach, wenkundla yezibheno eBloemfontein, usichithe neendleko isibheno sikaZuma ngakula matyala eyalela ukuba yena neNPA bahlawule iindleko zenkundla.

Kwakungo2009 apho owayesakuba yintloko yeNPA uMokotedi Mpshe wathi warhoxisa amatyala obuqhophololo nobuqhetseba kaZuma abandakanya ukwehliswa ngomlenze kwenkuntyula yemali, ngelithi wenzelwa iyelekenqe lezopolitiko.  

Inkokeli yeDA uMmusi Maimane uthi bayasamkela esi gwebo senkundla watsho esithi uza kubhalela iNPA ukuba ikhawulezise itshutshise uZuma ngeli xesha anguMongameli, logama yena uNobhala weANC uGwede Mantashe evakalise ukuba bakuwuyekela kwiNPA wonke lo mba.

Isithethi sikaZuma uBongani Ngqulunga uthi siyadanisa esi sigwebo kodwa watsho ukuba umba lo baza kuwakhela umkhanyo, bejonga zonke iinkalo ezivelelwe yinkundla.