Uxolo lelona chiza lempumelelo

UKUXOLELA: Inyaniso yeyoba zininzi izinto esidibana nazo ebomini nezifika zibenegalelo kwinqubela phambili yobomi bethu, nanjengoko sitshilo kule veki iphelileyo, sathi kukhona uhlobo lwamanxeba angabonakaliyo ngeliso lenyama kanti ngawo anzulu nakwaziyo ukuyilimaza impilo yethu sizibone sisifa ixesha lingekafiki.

Nanjengoko sikuvezile ukubaluleka kokufumana abantu esinokwazi ukuthetha nabo ukuze sikwazi ukuncedakala siphile. Inyaniso yeyoba la manxeba sinawo ebomini bethu ayingomanxeba avele akhona, kodwa kukhona abantu neemeko ezibenegalelo ekwenzekeni kwawo.

Ndiyayazi alikho inxeba kungekho mntu obengunobangela walo, noba ulifumene emsebenzini kukhona umntu onegalelo, noba ulifumene emtshatweni kukhona umntu onegalelo kwelo nxeba, noba ulifumene ekhayeni lakho kukhona umntu osisizathu sokukhala kwakho , ukanti ngelinye ixesha ulifumane emntwini osondelelyo kuwe , najengoko sitshilo kwinkuthazo yomvulo ophelileyo ukuba, awukalimali emphefumlweni ungekalinyazwa ngumntu osondelyo kuwe, nomntu ubucinga uyokhalela kuye mhla ulimeleyo, okanye ukhaliswe ngumntu ubumthuthuzela izolo, kodwa namhlanje akhalise wena.

Ukuxolela kubaluleke kakhulu kulo mntu uxolelayo ukodlula lo mntu uxolelwayo. Ndiyayazi ukuba uthi xa ujonga amanxeba onawo emphefumlweni kungabikho lula ukumxolela umntu okanye abantu ababenegalelo kuloo manxeba . Ngelinye ixesha ingaselilo nenxeba,kodwa iziimpawu zokulimala nangona inxeba selipholile .

Alikho inxeba elikwaziyo ukuphola ungekakwazi ukuxolela lo mntu ungunobangela walo , ukanti namhlanje xa siqala iveki ndifuna ukuthi kuwe XOLELA, xolela umntu owakugxothisa emsebenzi, xolela umntu owabasisizathu sokuqhawuka komtshato wakho, xolela umntu owasasaza iindaba ezingeyiyo inyani ngegama lakho.

Xa uxolela awuncedi lo mntu umxolelayo, uzinceda wena, eneneni ukungaxoleli ndikufanisa netyhefu eyingozi kule nto igalelwe kuyo ingekafiki nakule nto yenzelwe yona. Ngamanye amazwi, xa ugcine ubukrakra nendzondo entliziyweni yakho ilimaza wena ingekamlimazi lo umzondayo, ithi ifika kulo yenzelwe yena ibe sele imgqibile lo ibigcinwe nguye. Baninzi kakhulu abantu abalala bavuke ngeepilisi kanti bekumele baxolele ukuze ubomi babo bulunge.

Liyinyani elithi kukhona abantu abaxilongwa bancanywe ngoogqirha kungabonakali sifo, kanti yindzondo nokungaxoleli.

Kukhona abantu abathatu ekunyanzelekileyo ubaxolele ukuze uphumelele.

Okokuqala ngabazali, ukuba kukhona into eyakulimazayo emphefumlweni eyenziwa ngabazali bakho, kwaye uyayiqonda kakuhle ukuba usenendzondo nobukrakra entliziyweni yakho, namhlanje thatha isigqibo esithi ndiyabaxolela abazali bam.

Uzobona kuvuleka iminyango ebomini bakho ibivaleke iminyaka, ingakumbi xa kanti basaphila, ngoba akhonto ibuhlungu njengokungavani nabazali bakho bade bayongena engcwabeni ungekaxolelani nabo, uthi ucinga ukucela uxolo babe bengasekho, ishiyeke isidla wena indzondo babe bengazuphinde babuye.

Okwesibini funda ukuxolela abantu ababesondele kuwe kwaze kwakhona ukwahlukana pakathi kwenu njengabahlobo, owayesakuba sisinqanda mathe, umntu owawutshate naye umtshato awalunga .

Ndiyiqonda kakuhle uba kunzima ukuxolela ebantwini abaphuma emtshatweni, ngenxa yezinto okanye amagama amaninzi nalimazayo athi athethwe xa kuxatyanwa , amaxesha amaninzi ephuma ngokuqhutywa ngumsindo kungekuba komnye asuka entliziyweni, nalapho olunye uhlobo lwamagama olunye uhlobo lwamagama lushiye umonakalo sele umsindo wehlile.

Kodwa namhlanje ndithi ukungakwazi ukubaxolela abantu owohlukene nabo kungekuhlanga kungakubambezela ungaqhubeleki phambili ebomini.

Okwesithathu funda ukuzixolela , yenye ke le yezinto enzima ebantwini nalapho athi umntu enze impazamo ashiyeke ezibuza kwakutheni ze ndenze le nto.

Baninzi abantu abathe ngenxa yokungakwazi ukuzixolela bazigweba abanye abade bathatha isigqibo sokuzibulala kuba becinga kuphelile ngobomi babo baphazame kakhulu.

Namhlanje ndifuna uthathe iphepha uzivalele egumbini wedwa ubhale phantsi zonke izinto owazenzayo nongakwazi ukuzixolela ngazo , ezi zinto uthi xa ucinga ngazo ubenetloni ngawe. Uthathe isigqibo esithi namhlanje ndiyazixolela .

UKUXOLELA lichiza lempumelelo , mhlawumbi zininzi izinto ebekumele kudala zalunga ebomini bakho , kodwa zivalelwe kukungaxoleli, XOLELA, akukapheli ngawe uThixo engekatsho. Unganikezeli.