Uxolo malube nani!

Ndithe ndifika ekhaya kwelo laseCumakala ndisuka kwaNdonga ziyaduma eRhawutini, kwathi gqi oomama bembejembeje bafika bema phambi kwenqwelo-mafutha endandihamba ngayo ngaloo ntsasa.

Phakathi kwabo ingumama ondizalayo uSisila intombi yasemaBambeni, umama uNkunkuma, umama uJoka nomama uSifuba. Bonke bandijonge ngoncumo olugoso, begaxele eso sinxibo sihle singumakufanwe wemanyano yoomama sinamagxa amhlophe, umnqwazi omhlophe, ibhatyi yoomama bomthandazo ebomvu, kunye nesiketi esimnyama. Kwezo bhatyi kuqhotyoshelwe elo qhosha lihle libengezelayo lamaWesile aseKimec, phantsi komongameli, unyawontle uButhi kwelo laseQonce yeNgxokolo.

Ndithe ndisabuka loo mfaneleko wala manina asuke afana neengelosi zeZulu, kwathi tha umfanekiso kaMariya umama kaYesu, nalowo waseMagadala nowayeyintonga esekhosi kuloo Nkosi yeenkosi kweso sixeko sakwaYuda, suka kwavakala ilizwi liphuma komnye wabo lisithi, Mngwevu, sithe sakuva ukuba usendleleni eza ekhaya, sathi masilinde, kuba namhlanje sineenjongo zokuhanjiswa nguwe ukuya kwinkonzo yamazwi asixhenxe, ukuya kuma kweyovuko. Ndiqhankqalazile ndibika ukudinwa, laphuma ilizwi lisithi, le ndawo siya kuyo nguvimba wamandla angenasiphelo, kuyo uyakuzuza Amandla angunaphakade, kuyo uyakuzuza amanzi aya kukukholisa kubhang`unxano, kuyo uyakufumana isidlo esiya kukuhluthisa ungabuyi uphinde ulambe, kuyo uya- kuzuza umthunzi kwiingqatsini zelanga zalo mhlaba umagada ahlabayo, kuyo loo nkonzo ingcwele yamaKimec, uya- kubuya uphethe indyebo yomphefumlo, ilizwi likaThixo.Ngoko nangoko ndihlambe nje ubuso, ndadela imvula yaloo mini ndangena ebhatyini. Endleleni inqwelo-mafutha yakowethu ihlangatyezwe ziintaka zeZulu, oongqabe, amanqilo, amang`ang`ane, ookhetshe namahlungulu, kwacaca mhlophe ukuba indlela yethu isikelelekile.

Sithe sisangena kuloo tyalike savakala isandi sokuyolisa kwekwayala yaloo Bhelema iyiKimec sintyiloza kuhle, ibhexeshwa nguMaBongs! Singene apho kuloo mzi useSweetwaters cebu kuhle eQonce neZwelitsha, ezo ngwamza zivuma kamnandi zisithi, “Ezintsizini zethu, iliso liyabona, kuba iinceba zakhe, zimi ngonaphakade”.

Kungekudala ungenile umongameli nesigqeba sakhe, yaphakama irhamente ngokubanzi, isithi “Ngubani na ongalisusayo, eli tyala lingaka lisentliziyweni. NguYesu kuphela. Sihlangule Bawo kwabangendawo.”

UMongameli ubawo uButhi, ithole lomgquba laseMaMpondomiseni, ngoko nangoko lingene emxholweni, lakhomba indlela, lisithi namhlanje sidibene ngento enzima nangona ilula, UXOLO.

Mawethu, eyona nto inditsala kakhulu ezityalikeni bubumnandi besiXhosa esisetyenziswa ngabefundisi, amagosa, abashumayeli noonobhayibhile. Mve umfundisi esebenzisa ulwimi ngokuchubekileyo ngaloo mini esithi, “MaKimec amahle, zidwesha zakuthi, kukho nto inye endiyaziyo mna, umntu onoxolo unamanxeba njengoYesu, umntu onoxolo ungxwelerhekile, umanxeba-nxeba.” Alandele umama unobhayibhile, umama uTile kumthandazo wakhe omfutshane esithi, “Sinjalo Bawo, sinjalo Nkosi yam, singabantu boxolo! Xa sukuba sisithi sixolele izono zethu, njengoko sibaxolela abo basonayo thina, oko masingakuceli ngemilomo yodwa, masikucele nangokuphila kwethu.”Ndiqinisekile mawethu ukuba kuzo zonke iimvaba, nezaluphi na uhlobo, nezilandela nayiphi na inkolo, bekunqulwa kubhedeshwa ngazwi nye kuloo mpelaveki yePasika, kugunyaziswa uxolo kwizwe lakowethu! Nokuba siyathanda nokuba asithandi, inkonzo nokuzinikela kwinkolo oyikhethileyo, kuquka nenkolo yemveli, kunefuthe elihle ekwakhiweni kwezimilo ezihle, ekuzinzeni kwentlalo, ekwakhekeni kwezidima nobuntu, nasekugqubeni koxolo kwiindawo esihlala kuzo.

Vukani nonke zimvaba, nixele loo Paradesi yaseKimec bendimenyelwe kuyo, ngaphakathi kwizindlu zenu kuvakale umoya kaThixo, umoya wookhokho bethu, umoya wemfesane, umoya wokhuseleko, umoya wothando, umoya woxolo! Waphakama umongameli wamaKimec, wayivala iBhayibhile yakhe wajong`emnyango, wathi bandla lakowethu, sizwe sakowethu, UXOLO MALUBE NANI, AMEN, ICAWE IPHUMILE!