Uxuthelwe inkamnkam obanga ubunyholi

URaymond Matyolweni othi uxuthelwe inkamnkam yokukhubazeka

“Imehlo lam aliboni, lo nto yenza kube nzima ukufumana umsebenzi. Okanye nifuna de ndirhuqwe ukuze nibone ukuba andiboni?” Oku kuthethwe nguRaymond Matyolweni waseMonti.

UMatyolweni (46) uqale ukurhola inkamnkam yenkubazeko yokubona ngemehlo elinye ngo2016, kodwa ngoku iyekisiwe loo mali emva kokuba ugqirha ehlole ubume bemehlo likaMatyolweni ze wandulula ngelithi imehlo lalo mfo liyabona.

Ebalisela I’solezwe lesiXhosa, uMatyolweni uthi wagqiba kwelokufaka isicelo senkamnkam ngenxa yeenzingo zokubona ngemehlo elinye.

“Ndalimala ndimncinci ze laphanyaka imehlo lam lasekunene, zange liphinde libone. Ngenxa yeemeko zokusokola ukusebenza ngenxa yeli mehlo, ndafaka isicelo semali yenkamnkam yabantu abakhubazekileyo.

“Ndafaka isicelo ndiseGeorge [eNtshona Koloni], ngoncedo lweSebe loPhuhliso loLuntu, ndayifumana imali. Ndiqhubile ndirhola de ndabe kanti ndiyemka eGeorge, ndibuyela eMpuma Koloni,” kutsho uMatyolweni.

Uthi emva kokubuyela eMpuma Koloni uqhubile nokurhola le mali.

“Ukuphela kwexesha lam lokurhola ndiye ndayokuhlaziya kwaSASSA eQonce, apho abakwaSASSA baye bandithumela kwisibhedlele saseGrey eQonce, zahamba ngendlela izinto zam – ndaqhuba nokuyifumana imali yam yenkamnkam.”

UMatyolweni uthi wothuke akayikholelwa ngethuba efumana imbalelwano eGrey ethi akanakufumana nkamnkam kuba imehlo lakhe lasekhohlo liyabona.

“Kwiinyanga ezimbalwa ezidlulileyo, siphinde saphela isivumelwano sam, ndaphinda ndaya kwaSASSA bandithumela eGrey. Ugqirha waseGrey, ongenguye lowa ndandincedwe nguye, undixelele ukuba andinakurhola imali yenkamnkam yabakhubazekileyo ngenxa yokuba elinye imehlo lam liyabona.

“Into endibhidayo kukuba andizange ndazalwa ndinje, futhi kunzima ukuqeshwa komntu ofana nam onemehlo elinye,” kutsho uMatyolweni.

UMatyolweni uthi kunzima ukuqesheka kuye ngenxa yokuba ebona ngemehlo elinye.

“Iinkampani ezininzi ziyala ukundiqesha ngenxa yeli mehlo. Bendikhe ndabamba kwikontraka yokwakha, apho bekuye kube nzima xa kungene udaka okanye uthuli kweli mehlo libonayo.”

Ukubona ngemehlo elinye kuyingozi kum, kuba andifani nabantu abanamehlo abo amabini. Okanye kufuneka de ndirhuqwe ukuze abantu babone ubunzima bokubona ngemehlo elinye?

UMatyolweni uthi ngokuya eberhola inkamnkam ebekwazi ukuzinceda, ngokuthi enze iintshukumo zokungenisa enye imali.

“Ukufumana kwam imali yenkamnkam bekundinceda kwishishini lam lokuthengisa,” utshilo uMatyolweni.

Isithethi sesebe lezeMpilo uSizwe Kupelo uthi oogqirha besebe lezempilo abakwazi ukoxutha inkamnkam yomntu.

UKupelo uthi into enokwenziwa ngoogqirha besebe lezempilo kukwenza izindululo malunga nobume bezempilo balo mntu uze kumaziko ezibhedlele zikarhulumente. Ukoxuthwa kwenkamnkam yomntu luxanduva lukaSASSA, utshilo uKupelo.

Igosa lezonxibelelwano kwaSASSA eMpuma Koloni uSinoxolo Gqala uthembise ngelokuwulandelela lo mbandela kaMatyolweni, ekwathi uza kwenza iinzame zokuqhakamshelana noMatyolweni ukuva ingcombolo ethe vetshe nebangele ukuba kukhonkxwe inkamnkam yakhe.