Uyabulela umama okhutshwe endlaleni embi

UNogcinile Busuku welali yakuTyhothi, eDutywa, ushiyeke encumile emva kokuthengelwa ukutya okuxabisa iR5000 ngabantu ngoMgqibelo weveki ephelileyo.

Isukile ikati eziko kwamam’ uNogcinile Busuku kwathi qwenge nasengqondweni yakhe emva kokukhutshwa ngabantu endlaleni embi.

Kwimpelaveki edlulileyo, eli phephandaba lipapashe ibali ngentlungu kamam’ uNogcinile ophila ngokucela ukutya emizini xa engaphiwanga ngabantwana bakhe abangaphangeli kakuhle.

Eyona nto ibimbi kakhulu kukuba uhlala nabazukulwana bakhe abathathu abangasifumaniyo isibonelelo sikarhulumente ngenxa yokuba abanazo izatifiketi, nomnye umfana okhubazekileyo naye ongenaso isazisi.

Intsokolo yomama wakuTyhothi, eDutywa, iye yanyanzela abantu kwiindawo ezahlukeneyo badibanise imali yokuthenga ukutya ukuze kufudumale emzini wakhe.

Amajoni obulungisa aye athumela usomashishini waseDutywa, uAce Ncobo noSimthandile Ford, abafike emalanga kwangoMgqibelo kwamam’ uNogcinile bephethe ukutya okuninzi okuxabise amawaka amahlanu eerandi (R5 000).

Akukho nto abangayithenganga ukusukela emaxambeni kamilimili, umgubo, umngqusho, iswekile, imifuno, amafutha, inyama neesepha zezitya nezempahla.

Ubuntu obenziwe ngabantu bumshiye engenazwi uNongcinile, 59, ngoba intsokolo ebesele eqhelene nayo.

“Hayi ndiyabulela, ndibulela kakhulu kubantu abandizamileyo kule nto ndiyihleli kule ndlu. Ikhawulezile kakhulu le nto. Ndibulela ngokungazenzisiyo nam,” utshilo uNogcinile obebophelelekile ngenxa yekhorona enyanzele abantu bahlale ezindlini zabo.

Eli phephandaba lihletyelwe ukuba umam’ uNogcinile ebekhona kuluhlu lwabantu abebeza kufumana ukutya kweembedlenge kwaSassa – kodwa igama lakhe laye lakhutshwa kuba kusithiwa baninzi abantu abakwimeko efana neyakhe kwaWadi 8 kaMasipala waseMbhashe.

Buguquke mpela ubomi bakhe neentsana zakhe ngoba iSebe lezeNtlalontle lifikile nokutya okuxabisa amawaka amabini (R2000).

Lithembisile ngokusombulula umba wezatifiketi zabantwana, isazisi somfana nesikaNogcinile esamoshwa ngamanzi.

Imeko yekhaya lakwaBusuku uyithathele kuye yonke urhulumente kude kugqitywe zonke izinto ezifunekayo ukuze bafumane izibonelelo.

pedro.mapelo@inl.co.za