Ilizwe kule veki libila lisoma ngenxa yentetho ethe yenziwa nguMfundisi webandla iGrace Bible Church xa ebeshumayela ngemini yangeCawa.
Xa sibona ushicilelelo lwale ntshumayelo, lo mfo wakwaThixo uye wagxeka kanobomi amadoda athandana namanye amadoda.
Iintetha ezikumila kunje noko aziyonto yothusayo ezinkonzweni nanje ngokuba iimvaba ezininzi ziyichasa into yamadoda athandana odwa. Kwaye sonke siyayazi ukuba umba wokuthanda kwabantu abasini sinye iseyingxoxo-mpikiswano enkulu kwicandelo lezenkolo, ayiphelelanga kubuKrestu kuphela.
Eyona nto iyenze le ntshumayelo yalo Mfundisi ibe ngundabamlonyeni yindlela, omnye usaziwayo nolilungu lalo nkonzo, ayamkele okanye ayikhabe ngayo.
Kuthiwa unkabi uthathe konke okwakhe washiya phantsi akuva le nto ithethwa ngulo Mfundisi entshumayelweni. Akonelanga ukuphuma nje kodwa uye washicilela umfanekiso wohlobo lwevidiyo egatya le ntshumayelo kwaye evakalisa ngokucacileyo ukukhutyekiswa kwakhe yintetho leyo, kunye nendlela amalungu lawo ebandla aye ayiyizela ngayo emqhwabela izandla lomthanjiswa xa esenza le ntetho.
Yonke le nkquleqhu indenze ndacinga ukuba kanti inkonzo le yindawo yokuthini? Yintoni injongo yayo? Ingaba kufuneka siviswe kamnandi kuyo rhoqo?
Lo saziwayo mna andinanxa naye, kwaye andimgxeki ngokuba mva nje kaloku iinkonzo ezininzi zisuke yazindawo apho esishunyayezwa ngempumelelo nangemali kuphela.
Ziindawo zokuviswa kamnandi, isuke nentshumayelo leyo yomshumayeli ibengathi uye kwezantlangano zokukhuthazwa nokwakha ubunye kwiindawo esiphangela kuzo.
Isono siyateketiswa, eyonanto ibekwe phambili yimfundiso ngemali nempumelelo. Akukhonto igwenxa ngemali nempumelelo, kodwa ke xa kugxininiswa kuzo zodwa ziye zizale ingxaki. Ndiyafuna mna ukuthi lo saziwayo uqhelene nezintshumayelo zimnandi zemali nempumelelo ngoku iye yamothusa xa umthanjiswa engathi ufuna ukugudla kufutshane nekhaya. Sonke siyayazi ukuba ubanjani umntana oqhele ukutatanyiswa mhla waze wangxoliswa, ibangathi luqhushumbo lwezintywizisi olukhulu.
Ndiyacinga ukuba iZibhalo eziNgcwele noko azikhethi buso bamntu, zisibhulela amasaka sonke.
Ibhayibhile xa uyifunda uyakuva ukuba kubethwa wena nxila, wena xoki, wena mkrexezeni, wena utsiba iziko ungekatshati, wena unomsindo okhawulezayo, wena uhlebayo, wena krwada nothukisayo, wena mxabanisi, wena mrhwaphilizi, wena uthanda ukutya kakhulu, wena nqenerha, njalo njalo. Sonke siyatywatyushwa yilancwadi emlom’ ubomvu, akukho usindayo.
Ndinomfanekiso wam nawe, qho xa kubethwa eyethu indlela yokuphila ngumshumayeli, simane siphakama ngomsindo silishiye ibandla. Ukuba sonke singenza lo nto kungafuneka zonke iinkonzo zivale, ngokuba kwa abaFundisi nabo abazizo iingelosi baneendawo abasilela kuzo nabo njengathi.
Ithi ke lo nto xa umshumayeli egudla kuwe ngentetho yakhe sukuba sisamfumfu ngumsindo, mamela akuthethayo uze wena emva koko uzihluzele kulentshumayelo yakhe amaqithiqithi alungele wena.
Ndifuna undive kakuhle mhlobo wam, kule ncoko yam nawe andigwebi okanye andigxeki bantu abathandana nesini esinye nesabo. Endikwenzayo kukuveza ukuba noko xa usendlwini kaThixo lindela nantoni na entshumayelweni.
Asikho isidingo sokuqumba uqalekise xa kuphethwe umcimbi wakho, ngokuba kwiveki ezayo kuzakuba kuphethwe owomnye umntu.
Kwiinkolo ezahlukeneyo neemvaba ngeemvaba ezikhoyo emhlabeni lengxoxo-mpikiswano yenkolo nabantu abathandana nabo basinisinye nabo isaqhuba. Ithi ke lo nto lo mcimbi usezakuba sisizekabani sonxunguphalo kubantu abaninzi, kodwa ke inye into endimthanda ngayo uThixo kwiziBhalo uthi eyonanto luthando.
Ngalo mzuzu sonke sisakhangelana neempendulo kwimibuzo esinayo masimise uthando ngaphambili. Oontlonipho, oombeko, noosidima bonke ngabantwana bothando.
Masiphathane sihloniphane njengabantu, enye nenye iyakulungiswa phambili.
UHugo Broos uzityanda igila ngokudlalisa uVeli Mothwa izolo