Uyakrokrisa umlilo obulele inkwenkwana eKapa

UAviwe Zweni ongumama wenkwenkwana ebhubhileyo. IMIFANEKISO: Phando Jikelo / ANA

Kapa: BARHANELA ukuba lukhona unyawo lwemfene kwisiganeko
sokutsha kwendlu kusweleke inkwenkwana eneminyaka esithoba ubudala abamelwane
bakwaZweni eSite C.

Abahlali bathi bavuswe kukuqhuma komsi kufutshane nezindlu
zabo bathi bakukroba babona ukuba kutsha indlu ebekuqashe kuyo uAviwe Zweni
ehlala nabantwana bakhe neqabane lakhe elingummi welizwe langaphandle.

Ilungu lekomiti yokuhlala ekwangummelwane kumzi otshileyo
uIsaac Ncedani, uthi uvuswe kukutsarhwa ngumsi wayakukroba wafika sele kukho
abamelwane abaphumileyo. 

“Ndisondele ke nam njengendoda ndancedisana namanye
ebelapho sakhuphela ngaphandle omnye umntwana simkhupha ngefestile, noyise
waphuma ngefestile logama amanye amadoda ebezama ukuvula ucango. Ndiye
ndabuyela ngasemnyango nam, ndeva isikhalo sisitsho ngaphakathi kwabe kunzima
ukuvula izikhuseli zentsimbi ebezitixiwe ukuze sikhuphe inkwenkwana ebisele
ngaphakathi. Ngelingeni kuye kwavuleka ndathi xa ndizama ukungena ndanqandwa
ngamanye amadoda anditsala, esithi akukhuselekanga ukuba ndingene nanjengoko
iphahla besele lisiwa, kwaye nenkwenkwana ibisele ingabonakali ngenxa yomsi,”
utsho okaNcedani.

Uqhuba athi ngalo lonke eli xesha kusenzeka le nto umama wabantwana
akabonakali ndawo kwaye bebesele benexhala lokuba ungaphakathi.

Uthi bathe besamatshekile wafika umama wabantwana, uthe
akubona kusitsha wazama ukungena endlini evuthayo ekhwaza abantwana waxelelwa
ukuba omnye usindile logama omnye engakwazanga ukukhutshwa kwabe sele kufika
izicima mlilo.

Kuchazwa ukuba umama wabantwana akavumanga ukukhapha iqabane
lakhe ukuya esibhedlele nanjengoko litshile ngumlilo.

Inenekazi ekulikhaya lalo elo ebeqashe kulo uAviwe, lithi
kukhona elingakuqondiyo ngalo mlilo.

UNokuthula Jonginamba
ubalise wathi: “ UAviwe ebengasavisisani kakuhle nendoda yakhe kwaye bebesele
bexelelwe ukuba mabaphume kula ndlu kuba umama uyabuya uza kuhlala kuyo. Imali
yentlawulo yerenti ebebeyikhuphile ibingaphelelanga kwaye bekulindeleke ukuba
baphume ngoMvulo esiya kuwo. Namhlanje sivuka kusitsha, yena uAviwe engekho
kukho indoda nabantwana bayo, logama abantwana bakhe ababini abangengobayo le ndoda
bengekho apha, mna ndiyakrokra ukuba lukhona unyawo lwemfene apha”.

Nangona kunjalo, uAviwe Zweni uthi uvuke ekuseni waya kwiiofisi
zesebe lophuhliso lwentlalontle ngenjongo zokuya kwenza amakhadi amatsha
ezibonelelo zabantwana nanjengoko amakhadi ebethathwe ngutata wabantwana.

Uthi: “Ndihambile ndingaxelanga ukuba ndiyaphi kuba
bebelele, ndifike kwaSASSA ndaphendulwa ngoonogada bandinika ifomu ekufanele
ndiyigcwalise ndiyise emapoliseni, nam ndenza njalo. Ndibone umlilo ndiseza
kude kufuphi nendlu kodwa ndingawazi ukuba usukaphi, ndothuke kakhulu ukubona
kusitsha indlu endihlala kuyo”.

UAviwe ongumama wabantwana abane akasebenzi kwaye uthi
akayazi ukuba uza kuncedwa ngubani ukungcwaba uGift Zweni oneminyaka esithoba
ubudala.

Usomlomo wamapolisa kweli phondo uKapteni Fredericks Van Wyk
uthi  kuvulwe idokethi lokuphanda
ngomlilo obulele inkwenkwana eneminyaka esithoba ubudala.