Ebengabonwa ndawo amagosa karhulumente weli
kumngcwabo wenkosi yesizwe sabaThembu uNkosi Lindikhaya Daludumo Mtirara. Oku
kwenzeke nangona urhulumente ebevakalise ukuba uNkosi Daludumo uzakungcwatywa
ngokwaseburhulumenteni.
Ukanti nekumkani yabaThembu elibambela uNkosana
Azenathi Dalindyebo, uNkosi Zwelivelile Mandla Mandela, ngabanye bamalungu
endlu yabaThembu abangakhange babonwe ndawo kulo mngcwabo.
Le nkosi yabaThembu ibibekwa kwikhaya layo
lokugqibela ngoMgqibelo, kwilali yaseXhongorha eMthatha emva kokusweleka ngokuzibulala
kwiiveki ezimbini ezidlulileyo kwikhaya lakhe elisePitoli.
Uchazwe zizithethi njengomntu obengungqondo ngqondo
kolusapho eqaqambile kwisikhokhelo sakhe.
Ilungu losapho inkosi Mxolisi Mtirara uthe
ukubhubha kukaMtirara yilahleko enkulu kusapho lwaBathembu njengoko ubeyintsika
ezama ukumanya olusapho ekwanobuchule bokukhokhela.
UNkosi Mkhanyiseli Dudumayo obethethela umbutho
wenkosi zemveli iContralesa uthe le ndedeba isutywe kukufa kanye ngethuba
kudingeka iinkokheli kulo mbutho.
“Usishiya kanye ngethuba ubukhosi bujongene
nomceli mngeni wemigaqo karhulumente efuna ukubutheza amandla. Ubeyenye yenkosi ebezilulutho xa kumele kukhuselwe
ubukhosi obuphantsi koxinzelelo,” utshilo uDudumayo.
Intombi yakhe uInga Mtirara uthe uzakumkhumbula uyise
njengendoda ebilikhalipha, ithanda usapho lwayo kwaye engumntu ongena mkhethe, nobezama
ukuhlanganisa amalungu olusapho.
UNkosi Ngangomhlaba Matanzima umemelele amalungu olusapho ukuba abambane
asebenzise ukuhamba kukaNkosi Daludumo njengendlela yokuvalwa komoya
weyantlukwano kwisizwe sabaThembu nakwindlu kaBhomoyi.
UDaludumo ulishiye eli eneminyaka engamashumi
amahlanu ananye, ekwa lilungu lomkhosi wokhuselo weli. Ubekwa sisithethi sendlu
yakomkhulu.
Ushiye ngasemva unina, abantakwabo ababini, inkosikazi, uBukelwa Myendeki, kwakunye
nabantwana abathathu.
UTinkler ufuna ukuyibetha iChiefs – qha unexhala leefolosi zayo!