Uyalelwe ibheyile ogrogrisa amagosa karhulumente

Indoda yaseMdantsane ebanjwe libutho lamapolisa eliphanda ngamatyala anobuzaza (iiHawks) iyalelwe ibheyile yinkundla kamantyi waseMonti ngoLwesihlanu, emva kokuba le nkundla ivakalise ukuba inamathandabuzo ekukhululeni umntu onothotho lwamatyala asele ekhe wawenza ngaphambili.

USithembele April (40) ebevela ityeli lesine enkundleni ngoLwesihlanu kulandela ukurhintyeleka kwibholo lokufowunela amagosa aphezulu eburhulumenteni, kuquka nabaphathiswa, eboyikisa ngelithi bazakubulawa kumkhambathi ophekwa ngabo babesaya kuba ngamabanjwa.

Kumatyeli adlulileyo, u-April ebethe gqolo ukuxelela inkundla ukuba ucela ukukhululwa ngebheyile aye kowabo eMdantsane, ukuze aqhubeke nomsebenzi wokudlala idayisi kwa-N.U.1. Uthi ngokudlala idayisi, uyakwazi ukondla abantwana bakhe ababini.

Kodwa umantyi uSiyabulela Phango ukukhabile oku, esithi ukudlala idayisi lungcakazo olungekho semthethweni futhi akanisiqinisekiso sokuba lo ka-April akanakubaleka ityala nanjengoko ebekhe wazama ukubaleka, emva kokubanjwa kwakhe, kodwa laphanza elo linge.

Igqwetha lika-April uVuyiseka Kani, ophangela kwaLegal Aid (amagqwetha karhulumente), uxelele inkundla ukuba akayazi ukuba kutheni u-April esalelwa ibheyile “akugqiba engumntu nje wasekuhlaleni ongenakuze aphazamisane nabamangali betyala, abangamagosa aphezulu kwarhulumente”.

Kodwa umtshutshisi uQuedo Botha, ethatha kwinkxalabo yomphandi wetyala uKapteni Luphumlo Lwana, uthi ngokokubona kwabo u-April usenokulibaleka ityala futhi kunganzima ukumkhangela “kuba akanasazisi sinye”.

Ngethuba ebevele phambi kwenkundla kwiveki ephelileyo, uLwana uxelele inkundla ukuba u-April unezazisi ezintlanu futhi imihla yakhe yokuzalwa yohlukene.

Ngokubona oku, umantyi uthe sokuze kubesemdleni wobulungisa ukukhulula lo ka-April ngebheyile.

Le ndedeba ibanjwe kwinyanga ephelileyo emva kwezikhalazo zamagosa aphezulu kwarhulumente, athi akayithandi le nto yokumana efowunelwa ngu-April. Lo ka-April, ebefowunela la magosa esithi “wena uzakubulawa, ndithi mandikulumkise”.

U-April ukwaxelele inkundla kwiveki ephelileyo ukuba sele esuka kudibana noMphathiswa uFikile Mbalula esithi wayefuna ukumxelela ngomkhambathi wabantu ababefudula bebanjiwe abapheka iyelenqe lokubulala abo basebenza kumbuso wesizwe. Umbuso umile kwelithi ngamampunge yonke le nto ibithethwa ngu-April kula magosa.

Inkundla ikwave ukuba u-April wakhe wafumana izigwebo kumatyala amahlanu afana nala: Ubusela evenkileni (1999); ubusela (2001); ukuqhekeza endlini (2004); ukubetha umntu (2006) nokudlwengula (2007).

Ityala lika-April lihlehliselwe umhla wamashumi amabini ananye kule nyanga, logama yena esagcinwe kwisisele sakhe yedwa kulandela ukukhalaza esithi uhleli intlalo embi ngenxa “yama-26” athi afuna ukumbetha.