Uyalelwe ibheyile owabulala intokazi ekhulelweyo

LIMISELWE umhla wesixhenxe kwinyanga yeSilimela ityala likaThulani Kopolo, 33, ojongene netyala lokubetha abulale intombi ebencuma nayo nekuvakala ukuba ibineenyanga ezintandathu ikhulelwe. 


UKopolo uvele kwinkundla yamatyala eMonti ngoLwesihlanu ze ityala lamiswa kuba kuseza kuqhutyekekwa nophando ngamapolisa.


Ngokwengxelo ephuma kuKapteni Mluleki Mbi wamapolisa aseCambrigde, ngethuba ixhoba likhulelwe lineenyanga ezintandathu laxabana noKopolo walibetha lizithwele linjalo, ze ixhoba layokulala esibhedlele nto leyo yabangela ukuba kuphume nesisu.


UKapteni Mbi uqhuba athi ixhoba laphuma esibhedlele liphila kuba oogqirha belibona lingcono, kodwa emva kweentsuku liphumile lasweleka.

UKopolo akanikwanga bheyile ushiyeke ngaphakathi eziseleni kuba elindele umhla wokuvela kwakhe kwakhona kwinkundla yamatyala.