Uyalelwe Ibheyile umfana otyholwa ngokudlwengula eHarare.

Abahlali baseHarare eKhayelitsha eKapa bebambe uqhankqalazo phambi kwenkundla kaMantyi eKhayelitsha, ngelichasa ukukhululwa korhanelwa ngokudlwengula. Umfanekiso: Unathi Tuta

Basamkele ngezandla
ezishushu isigwebo sikamantyi uDyantjies abahlali baseHarare eKhayelitsha kweli
leKapa emva kokwalela ibheyile umfana otyholwa ngokudlwengula intwazana
eneminyaka emine ubudala.

Umfana oneminyaka
engamashumi amabini anesine ubudala ohlala kwingingqi yoo-37 eHarare utyholwa
ngokudlwengula izihlandlo ezibini intwazana ebiselugcinweni kwikhaya lakhe.

Iingxelo zidiza ukuba lo
mfana wadlwengulwa lentwazana ngethuba wayeshiyeke nayo izihlandlo ezimbini
ngomhla weshumi kweyeNkanga kunyaka ophelileyo. Umrhanelwa utyholwa
ngokudlengula ixhoba phambi komntakwalo oneminyaka emibini ubudala kwigumbi
lokuhlambela kwikhaya lakhe.

Ingxelo ihambisa ithi, ixhoba
lazichaza eziziganeko kunina kodwa zange manyathelo. Abahlali batyhola ngelithi
lo mzali uzame ukukhusela unyana wakhe, kwixhoba elingengomntwana wakhe
ngokwenzala.

Emva kokungaboni manyathelo
ixhoba labikela umntu oqeshe indawo yokuhlala kweli khaya, nothe asakuva eli sikizi
wabikela iinkokeli zasekuhlaleni.

Umrhanelwa uhlangulwe
ngamapolisa kubahlali ebebevutha ngumsindo, unina emfihle kwisilinga.

UYanga Mjingwana ongomnye
wabahlali bengingqi yoo-37 uthi “Sichulumancile sisigqibo sikamantyi kuba
singabahlali besingazukumvumela ukuba abuyele kwindawo esihlala kuyo, sidiniwe
zizidlwengu ezingabonwabisiyo abantwana bethu.”

Ipolisa elikhokele
uphando kweli tyala lithi, akukho monzakalo ubonakalayo kwilungu elidlwengulwe
kulo ixhoba, emva kohlolo olwenziwe ngugqirha, noxa kunjalo uthe, ukungabonwa
komenzakalo akuthethi kuthi isiganeko eso asizange senzeke.

Umantyi ochophele eli tyala
uxelele umrhanelwa ukuba akazuyifumana ibheyile esithi, “Ngenxa yokuba
kungaphazamiseka uxolo ekuhlaleni xa inkundla ingakunika ibheyile, kwaye akukho
zimeko zingaqhelekanga uzibikileyo kwingxelo yakho kungako le nkundla
ingakuniki ibheyile.”

Emva kwesigwebo sikamantyi
ibiyintlokomo kula nkundla abahlali bevuya. 
Ityala liyakubuyela
enkundleni ngomhla weshumi elinesihlanu kwinyanga ezayo.