Uyalelwe ibheyile umfana otyholwa ngokudlwengula eHarare

Abahlali baseHarare eKhayelitsha eKapa bebambe uqhankqalazo phambi kwenkundla kaMantyi eKhayelitsha, ngelichasa ukukhululwa korhanelwa ngokudlwengula umfanekiso: Unathi Tuta

Basamkele ngezandla ezishushu isigwebo sikamantyi uDyantjies abahlali baseHarare eKhayelitsha kweli leKapa emva kokwalela ibheyile umfana otyholwa ngokudlwengula intwazana eneminyaka emine ubudala.

Umfana oneminyaka engamashumi amabini anesine ubudala ohlala kwingingqi yoo-37 eHarare utyholwa ngokudlwengula izihlandlo ezibini intwazana ebiselugcinweni kwikhaya lakhe.

Iingxelo zidiza ukuba lo mfana wadlwengulwa lentwazana ngethuba wayeshiyeke nayo izihlandlo ezimbini ngomhla weshumi kweyeNkanga kunyaka ophelileyo. Umrhanelwa utyholwa ngokudlengula ixhoba phambi komntakwalo oneminyaka emibini ubudala kwigumbi lokuhlambela kwikhaya lakhe.

Ingxelo ihambisa ithi, ixhoba lazichaza eziziganeko kunina kodwa zange manyathelo. Abahlali batyhola ngelithi lo mzali uzame ukukhusela unyana wakhe, kwixhoba elingengomntwana wakhe ngokwenzala.

Emva kokungaboni manyathelo ixhoba labikela umntu oqeshe indawo yokuhlala kweli khaya, nothe asakuva eli sikizi wabikela iinkokeli zasekuhlaleni.

Umrhanelwa uhlangulwe ngamapolisa kubahlali ebebevutha ngumsindo, unina emfihle kwisilinga.

UYanga Mjingwana ongomnye wabahlali bengingqi yoo-37 uthi “Sichulumancile sisigqibo sikamantyi kuba singabahlali besingazukumvumela ukuba abuyele kwindawo esihlala kuyo, sidiniwe zizidlwengu ezingabonwabisiyo abantwana bethu.”

Ipolisa elikhokele uphando kweli tyala lithi, akukho monzakalo ubonakalayo kwilungu elidlwengulwe kulo ixhoba, emva kohlolo olwenziwe ngugqirha, noxa kunjalo uthe, ukungabonwa komenzakalo akuthethi kuthi isiganeko eso asizange senzeke.

Umantyi ochophele eli tyala uxelele umrhanelwa ukuba akazuyifumana ibheyile esithi, “Ngenxa yokuba kungaphazamiseka uxolo ekuhlaleni xa inkundla ingakunika ibheyile, kwaye akukho zimeko zingaqhelekanga uzibikileyo kwingxelo yakho kungako le nkundla ingakuniki ibheyile.”

Emva kwesigwebo sikamantyi ibiyintlokomo kula nkundla abahlali bevuya. Ityala liyakubuyela enkundleni ngomhla weshumi elinesihlanu kwinyanga ezayo.

isibhalo@inl.co.za