Uyalelwe ibheyile umfundisi uMboro

Umfundisi uMboro, unogada wakhe kunye nonyana wakhe ngethuba bevele kwinkundla kamantyi yasePalm Ridge ngoMvulo. Umfanekiso: Screenshot/YouTube

UPaseka Motsoeneng, 56, nodume ngelikaMfundisi uMboro, kunye nonogada wakhe uClement Camillot Baloyi, 43, bayalelwe ibheyile yinkundla kamantyi yasePalm Ridge ngoMvulo, ngelixa unyana wakhe uVincent Revival Motsoeneng, 27, yena ekhululwe ngesilumkiso.

Oku kuza emva kwesehlo esithe saba ngundaba-mlonyeni kwiiveki ezidlulileyo ngethuba begaleleka kwisikolo samabanga aphantsi iMatsediso eKatlehong bephethe oocelembe nompu bezama ukugoduka nabafundi ababini (abazukulwana bakaMboro) ngenkani kulandela ingxabano yosapho malunga nokugcinwa kwaba bantwana.

UMotsoeneng noBaloyi bazakuhlala eziseleni. Imiqathango yokukhululwa konyana wakhe, Vincent Revival, ibandakanya ukungadibani namangqina alo mba, kwaye akavumelekanga ukuba angene kumasango esikolo apho isehlo senzeke khona kude kube kuqosheliswa lo mba.

Esi sithathu sijongene namatyala amaninzi, aquka ukuxhwila, ukuba nesixhobo esiyingozi, ukudubula umpu kunye nokukhomba ngompu.

Ityala lihlehliselwe umhla wama21 kweyeDwarha 2024.