‘Uyangcola umhlaba wamaQwathi ligazi

Ubukhosi besizwe samaQwathi kaFubu kaDalasile eNgcobo sigxeke kabukhali iziganeko zakutsha nje zokuphalala kwegazi okwenzeke kula dolophu ukusukela kwiveki ephelileyo.

Oku kulandela ukudutyulwa kubulawe amapolisa amahlanu nekuthe kamva kwakhokelela kwisiganeko sokudutyulwa kubulawe abantu abahlanu kwiCawa yakwaMancoba ekwaseNgcobo.

Ukanti ngoLwesibini ngentseni kufutshane nesikolo samabanga aphakamileyo iNyanga eNgcobo, kubhubhe amapolisa amathathu ngengozi ngethuba kulungiselelwa inkonzo yesikhumbuzo samapolisa amahlanu abhubhe kwiveki ephelileyo.

Othethela ubukhosi bamaQwathi eNgcobo, uNkosana Dabulingwe Nzima, uthi zibangele unxunguphalo ezi ziganeko kwisizwe sikaDalasile.

“Sivelana neentsapho zonke, sibuhlungu ziziganeko ezenzeke kutsha nje kulo mhlaba wakowethu, liyangcola igama ledolophu yethu iNgcobo ngenxa yesi siganeko,” uthethe watsho uNzima.

Uthi ezinye kwezi ziganeko ziphenjelelwa ngoofunzeweni abaphuma ngaphandle kwedolophu yaseNgcobo.

“Kwesi siganeko sokudutyulwa kwabasebenzi bakarhulumente asiyazi into eyenzekileyo, kodwa likho ifuthe labantu abasuka ngaphandle kwale dolophu, uyangcola ligazi umhlaba wamaQwathi,” ukhalime ngelo uNzima.

Isizwe samaQwathi sasungula ubukhosi baso kulo mhlaba phantsi kobuKumkani babaThembu ngexesha likaKumkani uNdaba wabaThembu noNkosi uFubu wamaQwathi.

IKumkani ebambeleyo kwisizwe sabaThembu uAzenathi Zanelizwe Dalindyebo uphakathi kweenkokheli zemveli ezithe zatyelela isikhululo samapolisa eNgcobo ngeliya kugxwala emswaneni.

“Ayiyo ndawo yokwenzela izinto ezimdaka iNgcobo, aba bantu mabahlukane nokusuka ezindaweni zabo beze kuphumeza imikhuba yabo eNgcobo bengcolisa igama ledolophu yaseNgcobo,” uthethe watsho uNzima.

Isizwe samaQwathi eNgcobo silungiselela ukusindleka izizwe zonke zamaXesibe ekupheleni kwalo nyaka ngelikhumbula iiKumkani, iiNkosi nesizwe samaXesibe ngokubanzi.

NgoLwesibini kuqhutywe inkonzo yokukhumbula amapolisa amahlanu abhubhe ngokudutyulwa eNgcobo. Le dolophu likhaya kwizangxa zezopolitiko eziquka uAB Xuma, Walter Sisulu nabanye, ikwalikhaya kwinkumanda eziphambili zombutho wePAC.

Egameni labahlali baseNgcobo, usihlalo weNgcobo Ratepayers Civic Association uMonde Hlekiso, uthi badanile nabo ziziganeko eziqhubeke eNgcobo kwezi ntsuku.

“Isiphethe kakubi kakhulu yonke le nto, le nyikityha yokufa ibangela ukuba abantu, abatyeleli, nabathengi bayoyike idolophu yaseNgcobo, xa kubethwa amapolisa siza kubalekela phi ngoku, makubuyiswe isidima samapolisa,” utshilo uHlekiso.

IiNkosi zesizwe samaQwathi beziyinxalenye yenkonzo yesikhumbuzo samapolisa amahlanu adutyulwe abulawa, zikhokelwe nguNkosi uZwelakhe Dalasile.