Uyangcwatywa owatshiswa ngusomashishini eDimbaza

Umfanekiso kabhuti wexhoba elatshiswa ngusomashishini eDimbaza ekunye nabakulawuo kumapolisa aseDimbaza

Uzakubekwa kwikhaya lakhe lokugqibela kusasa ngomso kwilali yaseGqogqorha eTsomo uLizwi Mfundiso Mtshaza (22) emva kwamatile-tile okusokola kosapho lwakhe ngendlela yokumngcwaba njengoko lungathathi ntweni.

Ukubhubha kwakhe kulandela emva kokuba wathi wakhonkxwa kwindlu kasomashishini waseDimbaza apho ebehlala khona, nalapho kuthiwa wayembophe ngomqokozo emva kokubonakala ukuba wabanjwa kulandela ukurhintyeleka kubungqina bokuba waba ivili lemoto yalo somashishini.

ULizwi watsha kanobomi ngomhla wamashumi amabini anesithoba kwinyanga yoMnga ze wasiwa esibhedlele eGrey apho wathi wadluliselwa eCecilia Makiwane, ekwigumbi labagula kakhulu. Akucaci ncakasana ngeyona ndlela atshe ngayo uLizwi. Abanye bathi watshiswa kukudubula kwerhasi logama abanye besithi utshiswe ngepetroli. 

ULizwi ebefunda uGrade 10 kwisikolo iDimbaza Central High.

Amapolisa aseDimbaza atyelele eli khaya ngoLwesine apho athe ashiya nemali iR1050 ekubeni ize incedise kumalungiselelo omngcwabo eTsomo ngoMgqibelo. Ngokwengxelo kaCaptain Siphokazi Mawisa, amapolisa akhuphe empokothweni ukunceda olu sapho.

Ngethuba kwiveki ephelileyo I’solezwe lityelele ikhaya, umama kaLizwi uNomfusi Patricia Mtshaza  wasothula isikhalo, akufikelwa ziingcinga zokubhubha konyana wakhe. Uthi ebemthanda unyana wakhe kwaye akaxolanga yindlela abhubhe ngayo.

Usapho lukwabulele nakumapolisa aseDimbaza. UKapteni Mawisa uthi bayaqhuba nophando lwetyala lokubulala, ukutshisa nokubetha, umrhanelwa ungaphakathi eziseleni.