Uyangcwatywa umama kaPhumulo Masualle

Umama uCaroline Dineo Masualle, ongunina weNkulumbuso yaseMpuma Koloni uPhumulo Masualle, uzakungcwatyelwa kwilali yaseMpheko eMthatha phantsi komasipala waseKing Sabata Dalindyebo ngomso (ngoMgqibelo).

Umam’ uMasualle, obeneminyaka engamashumi asibhozo anesithoba, ubhubhe ngomhla weshumi elinesine kule nyanga emva kokukhathazwa sisifo sokufa kwecala. Ngenxa yesi sifo, umam’ uMasualle ebephuma engena esibhedlele.

Ethethela urhulumente waseMpuma Koloni, umlawuli-jikelele kulo rhulumente wephondo, uMarion Mbina-Mthembu, udlulise amazwi ovelwano kusapho lakwaMasualle.

USodolophu waseKSD uDumani Zozo uthi ebekhe wayokuvela kweli khaya, wafika usapho lunxunguphele. 

“Umama kaloku uyinto yonke ekhayeni, nokuba mdala kangakanani. Sithi kusapho lakwaMasualle maluxole, liyazi ukuba umama walo uyokuphumla. Usapho malukhumbule izinto ezintle elizenzelwe ngulo mama ngethuba ebesaphila. Akuhlanga lungehlanga!” utshilo uZozo.

Iindwalutho zepolitiki kwanezinye izitatanyiswa eziphuma kwizintlu ezohlukeneyo kulindeleke ukuba ziwuzimase umngcwabo kamam’ uMasualle, ukuya kuxhasa iNkulumbuso ngeli xesha libi kuyo.