Uyaphuma uJoe Biden uxhasa uKamala uHarris

USekela Mongameli uKamala Harris egone uMongameli uJoe Biden emva kwentetho ngokhathalelo lwempilo eRaleigh, North Carolina nge26 kaMatshi 2024. Umfanekiso: Matt Kelley/AP

Ucace elubala ngoku umkhankaso weDemocratic Party eMelika ukuba uxhasa uKamala Harris ukhupha uJoe Biden kumdyarho wokongamela ela lizwe.

Oku kulandela iingxelo ezithe ndi kwela lizwe ukuba uMongameli uBiden akakulungelanga ukujijisana nomgqatswa weRepublican Party uDonald Trump.

UHarris usebenza njengoSekela Mongameli welizwe laseMelika esekela uMongameli uBiden. UBiden uthethe esidlangalaleni ukuba akasaqhubeki ukukhangela inkxaso yokongamela ela lizwe ekhuphisana noTrump.

UMongameli uBiden ubethwe esidlangalaleni kwingxoxo yakhe noTrump apho bebecacisa ngokuzakwenzeka ukuya kunyulo likazwelonke laseMelika.

“Umsebenzi wokuqala endizimisele ukuwenza kukuba ndimanyanise amalungu ombutho weDemocratic Party,” kucacisa uHarris.

Kuthiwa phakathi kwabo baxhasa uHarris ukuba angene njengoMongameli, ngusomlomo wepalamente uNancy Pelosi.

Ilizwe laseMelika lilungiselela ukungena kunyulo lukazwelonke ekupheleni kwalo nyaka ngenyanga kaNovemba.

“Enye yeenjongo eziphambili xa ndithe ndaphatha ilizwe laseMelika kukumanyanisa ilizwe laseMelika sohlule iinjongo zikaDonald Trump,” kutsho uHarris.

UTrump ubuya okwesithathu ukungenela ugqatso njengoMongameli waseMelika njengomgqatswa weRepublican Party. Uphumelele kunyulo luka2016 xa waba nguMongameli emva kokubetha uHillary Clinton weDemocratic Party.