IIntshukumo zoqhankqalazo zabahlali baseMbashe zakutshanje zenze urhulumente wephondo amamele iingxaki zabo ngeenjongo zokufumana isisombululo.
Isebe lentsebenziswano kurhulumento nemicimbi yemveli likhokelwe ngumphathiswa uFikile Xasa, lityelele ingingqi yaseMqhele naseJalamba eElliotdale.
Othethe egameni lesebe uMamnkeli Ngam uthi
“Ngexesha bekubhaliselwa ukuvota kukho oomasipala abaye banengxaki yokuba abahlali baqhuba uqhankqalazo bethintela inkqubo yokubhalisela ukuvota, silapha ukuza kubanika ithuba lokuthetha nathi ngezo ngxaki,”utshilo uNgam.
Abahlali bezi ndawo baqhube uqhankqalazo nasemva kweveki yokubhalisela ukuvota bevala iindlela betshisa amatayala bephazamisa inkqubo yokufunda nokufundisa.
“Siqale ngendibano kunye neqela elikhokele lo masipala kuquka neenkosi zemveli, saza kamva sathetha nabahlali balo masipala kwawadi 18 nakwawadi 28,”utshilo uNgam.
Ingxelo ithi, lo mphathiswa ubongoze iinkosi zemveli ukuba zincedise urhulumente ukulwa imigushuzo yoqhankqalazo oluqhubeka kwiilali ezikuzo iinkosi.”Okona kuphambili kwintetho kamphathiswa kukuba ubongoza wonke umntu ingakumbi iinkosi ukuba zincedise ukulwa iingxaki ezibangela uqhankqalazo kwiilali abahlala kuzo,”utshilo uNgam. Eli sebe lithi sele livela koomasipala bezithili ezahlukeneyo ephondweni ngelizama ukulwa nezi ngxaki.
“Sivela eOR Tambo, Alfred Nzo ngoku silapha eAmathole ngeenjongo zokuphelisa ezi ngxaki, kuba ezinye kuzo zingenelelwa ngabantwana abangafuni kumamela abazali,”utsho uNgam.
Ethetha eNgqamakhwe kwinyanga yoKwindla kulo nyaka umphathiswa uFikile Xasa, wamemelela uluntu ukuba lusebenzise eli thuba ukuthetha norhulumente.
“Ayinanto yokwenza nokucela ukuvotelwa le nto siyenzayo, koko sijikeleza kuba siqhubela phambili inkqubo yethu yokuphucula umgangatho weenkonzo ezinikwa abantu,”watsho uXasa.
Lo mphathiswa utyelele kula ndawo ephelekwa ngamagosa aphezulu kwisebe lakhe, iinkokheli zemveli kunye namagosa aphezulu kumasipala wesithili saseAmathole.
Kwezi ndibano abahlali bafumana ithuba lokucacisela urhulumente ngendlela ekuhamba ngayo ukugqithiswa kweenkonzo koomasipala babo.
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo