‘Uyasithuka uMndende!’

Nkosi Manduleli Bikitsha

Enye yeeNkosi eziphambili kwisizwe samaMfengu kweli, uGqirha Manduleli Bikitsha, uthi sisithuko into ethethwe nguGqirha Nokuzola Mndende kudliwanondlebe alwenze kwiziko lasekuhlaleni iRadio Zibonele eKhayelitsha eKapa.

Ngokwengxelo kaBikitsha, uMndende uxelele abaphulaphuli besi sikhululo ukuba nabani ozibiza ukuba uliMfengu akavuthwanga entloko.

“Akukho bani ubhadle ngaphezu kwabanye apha, okanye onolwazi ngaphezu kwabanye abantu, masixoxe lo mcimbi ngokuhloniphana, uyasithuka uMndende xa athi nabani ozibiza ukuba uyiMfengu akabhadlanga,” ucacise watsho uBikitsha.

Uhambisa athi umgaqosiseko ofundwa nguMndende uyacacisa ukuba abantu banegunya lokuzimanya nayo nayiphi inkolo abakholelwa kuyo.

“Njengesifundiswa xa enqwenela ukwazi okanye ukuthetha okuthile ngesizwe samaMfengu uMndende, kumele ukuba eze ngaphambili kwiiNkosi zesizwe samaMfengu, angasebenzisi ulwazi lwakhe lakuGatyana naseDutywa ngamaMfengu,” utsho uBhikitsha.

AmaMfengu sisizwe esagaleleka kweli siphuma kwaZulu ngeminyaka yo1800, samkelwa ziiKumkani eziquka uHintsa wamaXhosa.

“SineeNkosi ezingamashumi amathathu ezikwamkelayo ukuba zingamaMfengu, kubo ungabala ooNkosi Justice Mabandla, Njokweni, Khawulela, ooNgwekazi nabanye. Uyasithuka uMndende!”

NgoCanzibe wonyaka ophelileyo, iiNkosi nesizwe samaMfengu eMpuma Koloni, bavuselela izifundo ezazenziwe ngooyisemkhulu eFort Malan bexhaswe nguMphathiswa uFikile Xasa.

UGqirha uManduleli Bikitsha ngusihlalo webhunga lobukhosi besizwe samaMfengu kuMzantsi Afrika, nekomkhulu lakhe liseNtshatshongo kuGatyana.

“Sineminyaka elikhulu namashumi alithoba anesithandathu sikhona kweli isizwe samaMfengu, sinamasiko, izithethe, inkolo, kwezopolitiko nakwimfundo bakhona,” utsho uBikitsha.

Ukanti ingcali yezemveli kweli, uLoyiso Nqevu, uthi igama elithi ‘Mfengu’ ligama elingenachaphaza ababizwa ngalo abantu besi sizwe.

“Ligama abathi babizwa ngalo ukufika kwabo apha, lithetha umntu ongenamhlaba ohamba ecela. Bona ke bafika belahlekile bephuma kwisizwe samaMpembe kaNgquma, akukho nto igwenxa ukuba umntu azibize ngeli gama,” uthethe watsho uNqevu.

Ukanti uGqr. Mndende simbambe exakekile kwinkomfa yoomama eQwaqwa.

“Xa usithi uyimbacu ingaba uphilile? Ligama elisisithuko eli, andikhange ndithuke mntu, ndithe umntu olamkelayo eli gama makenze uphando, kuba eli ligama esalinikwa ngabelungu, lisisithuko ke,” utshilo uMndende.

AmaMfengu sisizwe esathi savelisa izifundiswa eziquka abefundisi, ootitshala noogqirha belandela isifungo sabo sokuba bayakubafundisa abantwana babo.