Uyathuthuzelwa umntwana ona-15 ‘odlwengulwe sisizalwane sakhe’

EKAPA: USAFUMANA uthuthuzelo ngokwasemphefumlweni umntwana oyintombazana oneminyaka elishumi elinesihlanu (15) emva kokuba edlwengulelwe ethafeni ngunoteksi wakowabo waze wamnika iR300 emthembisa ngokumbulala ukuba ukhe waxela.

Lo mntwana ohlala eHarare eKhayelitsha, ebesuka eNyanga, waze wacela unoteksi wakowabo ayomlanda, waze wamisa ethafeni laseKwezi wamdlwengula, utsho umakazi walo mntwana ongenakuchazwa ngeenjongo zokukhusela umntwana.

“Ngendlela amlimaze ngayo, kungokunje uphantsi koonontlalontle ufumana uthuthuzelo,” utshilo.

“Umntwana kasisi wam udlwengulwe ngeCawe emva kokuba ecele unoteksi wakowabo ukuba ayomlanda eNyanga. Uthe esendleleni eya eHarare wamisa ethafeni laseKwezi waze wamdlwengula. Umnike iR300 wathi angayithethi lo nto ngoba uzakumbulala. Ukugqiba kwakhe ubuzile ukuba amse phi na ngoba akazukumsa kowabo. Uthe umtshana wam makasiwe eSite C ebantwaneni afunda nabo,” utshilo.

Isithethi sombutho woonoteksi baseKhayelitsha iCongress of Democratic Taxi Association (Codeta) uAndile Khanyi, uthe kungokunje lo mqhubi ubalekile. Uthe ngokomgaqo wabo, umntu owenze isenzo esilolu hlobo akaphinde aqhutyiswe.

“Senza ngako konke okusemandleni ukuncedisana namapolisa ukuze abanjwe. Sizakumkhangela de simfumane ze simdlulisele kwabasemagunyeni,” utshilo uKhanyi.

IThembokwezi Crime Watch ikhuphe isilumkiso kuFacebook esithi makalunyukelwe lo mfo oneedilesi ezimbini kwaye akafumaneki kwenye. IThembokwezi ithi lo mfo nguMasibulele Nontana igama lakhe, ubizwa ngo Zabantwana no Mapeta. Bathi uqhuba iiteksi zaseBelville, Kuilsriver naseMowbray. Bathi ngowaseCala ikhaya.


Amapolisa aseHarare athe azakuncedisana nosapho ukufumana lo mqhubi.  
michael.nkalane@inl.co.za