Uyavuthwa umlo wopnoteksi ‘wokubanga indlela’ kwaLanga

Umfanekiso oselugcinweni: Antoine de Ras

EKAPA:  AMAPOLISA aseNtshona Koloni aseke iProvincial Task Team eza kuphanda unobangela wokubulawa koonoteksi kwaLanga emva kokuba kusweleke abanye ababini ngelixa abantu abalithoba, abaquka nabantwana besikolo beshiyeke bonzakele erenkini kwaLanga izolo, kumlo wokubanga indlela.


Isithethi samapolisa uAndre Traut uthe abarhanelwa abanamatyala okubulala nokuzama ukubulala babalekile kwaye abakabanjwa. Uthe esi siganeko sehle emva kwentsimbi yesibhozo kusasa.

“Sikholelwa ukuba okukudubula kunxulumene nokubanga iindlela ezisetyenziswa ngoonoteksi. Sisaphanda unobangela emva kokuba kusweleke oonoteksi ababini erenkini kwaLanga. Abantu abalithoba abaneminyaka ephakathi kwe15 ukuya kwengama-45 bonzakele bangeniswa esibhedlele ukuze bafumane unyango,” utshilo.

Isithethi seEmergency Medical Services uRobert Daniels uthe abanoteksi baswelekele kwindawo yexhwayelo. “Abonzakeleyo basiwe kwisbhedlele esikufutshane,” utshilo.

Intombi yomnye unoteksi obhubhileyo nochazwe njengoMbathane kuphela ithe elinye ixhoba ibungumngane katata wakhe. “Bebesand’ ulukuncokola kusasa nje. Kodwa ngoku abekho bobabini,” utshilo.

Ugogo wakwaLanga ongafunanga kuchazwa kuba esoyikisela ubomi bakhe, uthe aba noteksi nabangabanikazi babulawe ngoonoteksi abasebatsha kuba befuna ukuluthathela kubo ulawulo lwase renkini. “Imbi into eyenzeka apha kule renki. Kudutyulwe unoteksi obeqhubela uMbathane kule veki iphelileyo. Akukenziwa nalo nkonzo yesikhumbuzo sakhe. Ngoku kudutyulwa uMbathane ubuqu bakhe. Yonke lento ibangelwa kukufuna ukulawula indlela ephakathi kweAthlone noLanga,” utshilo.

UDanile Luzipho othengisa inyama erenkini uthe baziva bengakhuselekanga. “Kokwesithathu kudutyulwa apha namhlanje. Akubhubhi oonoteksi bodwa koko nathi siyadutyulwa singabahlali. Jonga olu sizi lokudutyulwa kwabantwana besikolo,” utshilo.

Isithethi sombutho woonoteksi ophethe kwaLanga, iCata, uVictor Wiwi, uthe baza kuya kule renki bayokuziqondela ngokwabo unobangela.  

Ngelixa I’solezwe beliyokuzivela bekuphithizela amapolisa erenkini.

Onolwazi ngesi siganeko uyacelwa atsalele umnxeba ku Crime Stop 08600 10111.

michael.nkalane@inl.co.za