Uyaxobuka umfanekiso oqingqiweyo kaTutu

XA unokubona umfanekiso oqingqiweyo kaArchbishop Desmond Tutu phambi kweholo yesixeko saseMonti, ungafunga uthi wayeliprofetile iphulo azibandakanye nalo ngoku – lokuba abantu bancediswe ngokubhubha xa begulel’ ibhokisi.

Lo mfanekiso walo nyawo-ntle ubalisa ngobomi bawo nanjengoko umfuziselo weminwe uxobuka. Kwankqu nesiqu somfanekiso siyaxobuka, nto leyo enika umfanekiso-ngqondweni womceli-mngeni ajongene nawo sithetha nje lo kaTutu.

Imeko yalo mfanekiso ibalisa intlungu, unxunguphalo, usizi kwanodandatheko.

Lo mfanekiso kaTutu waqingqwa ngumzobi ogama linguAnton Momberg ewufuzisela ngesehlo somhla weshumi elinesithandathu kuTshazimpuzi ka1996 apho lo kaTutu – engusihlalo weKomishini yeNyani noXolelwaniso (TRC) ngelo xesha – wathi waqubuda emva koko wakhala ngethuba kumanyelwe indlela abantu abamnyama ababephethwe ngayo ngethuba lengcinezelo.

Iinzame zokuva uluvo lomasipala iBuffalo City malunga nalo mfanekiso zithe zaphanza.