Uyazidla onikele ngomongo wethambo lakhe

USibongile Jimlongo oligqwetha eNtshona Koloni unikele ngomongo wakhe kuba efuna ukusindisa omnyeUmfanekiso: SABMR.

“Okundonwabisayo nokundenza ndiziqhenye kukuba ndisindise ubom bomntu kwaye ndabeka noncumo ebusweni bakhe ngokuthi ndinikele ngomongo wam.” Lowo nguSibongile Jimlongo, 26, waseHermaners eNtshona Koloni nothe wancama konke kuba efuna ukusindisa umntu obedinga umongo emzimbeni wakhe.

UJimlongo wenze izifundo zobugqwetha eUWC eKapa. Uthi waye wadibana nabantu benkampani enikeza ngegazi, umongo uSABMR bemcacisela ngolu hlobo lomnikelo nalapho athi waye waba nomdla.

Uthi kubantu abaNtsundu ukunikela ngegazi kwakunye nomongo asiyonto ixhaphakileyo, abantu baphele bebhubha ngenxa yentsokolo.

“Abantu abaNtsundu banqabile ukunikela, bayasokola ngokokutsho kukaSABMR kunaxa kuthelekiswa nabantu abamhlophe.

Kulapho ndaye ndavakalelwa, ndathatha eli thuba lokuba ndinikele kuba mhla wumbi ngenye imini ingandim lo kufuneka encediwe kwaye mandisindise nobom bomntu,” utshilo uJimlongo.

Uthi wayesoyika ekuqaleni ngethuba kusithiwa uzokunikela ngomongo kodwa waye wacaciselwa ngugqirha ukuba kuzokwenziwa njani.

Kwaye uthi waye wakhathaleleka ngathi nguye lo udinga umongo.

Uthi waye wahanjiswa koonontlalontle ngenjongo zokolulekwa ekubeni angoyiki. Uthi zange kube buhlungu kwaye ingazange ibe yiyo le nto wayeyicingela eyokugrunjwa ithambo ngaphakathi.

Uhlobo awaye wenziwa ngalo uthi kwaye kwasetyenziswa owona mthambo umkhulu okwithanga lasekunene kwaye kwakungekho buhlungu nabunzima.

UJimlongo uthi usapho lwakhe ekuqaleni zange luyiginye ncam le nto yokunikela kuba ayonkolo yabantu abaNtsundu.

Umakhulu kaSibongile, uNongakubani Jimlongo, 76, uthi ukuqala kwakhe ukuyithetha le nto uSibongile, wayecinga ukuba uyadlala, nto leyo athi wayebethwa kukungabi nalwazi oluphangaleleyo.

“Ndathi ‘hayi man, Sibongile, awunakuyenza loo nto! Zange ndive mntu wakhe wayenza loo nto apha ekhaya; zange khe ndive ukuba abantu abamnyama bayayenza into enjengaleyo.’ Yaye ndandisoyika. Ndandingazi ukuba kuza kwenzeka ntoni kuye.”

“Ekuqaleni namanye amalungu osapho ayengayiginyi ncam le nto. Sasinemibuzo emininzi. Sasingazi nokuba yayiza kwenziwa njani loo nto. Umongo ungaphakathi emathanjeni akho – uza kuwukhutshwa njani ke ngoku?,” utshilo uNongakubani.

USibongile kwakungekho kokuqala enikela kwiinkampani ezinikezela ngamagazi, uthi yinto ayenza rhoqo eyokunikela ngegazi nangona nje ebeqala ukunikela ngomongo.

“Usifundise isifundo esihle gqitha umzukulwana wam. Sisesemva kaloku thina. Ukunikela ngomongo noko yinto engaqheleki ncam kuthi bantu bamnyama.

Sasisoloko sicinga ukuba yenye yezi zinto zenziwa ngabelungu! Kodwa sonke siligazi elinye,” uvale ngelo uNongakubani.

Nawe unomdla wokunikela ngegazi lakho okanye umongo wakho ungatyelela lo mnantha: www.sabmr.co.za.