Uyozela ngenxa yequkunya lempundulu

IXHEGWAZANA laseNew Brighton eBhayi, licela uncedo nongenelelo lukaMdali ngenxa yento eliyibiza “njengequkunya lenyoka okanye impundulu” ebangela ukuba ubomi balo lube yincindi yekhala umhla nezolo.

Eli xhegwazana, elineminyaka engamashumi asixhenxe anesixhenxe, lithi le nyoka ibonwa lilo lodwa futhi iyazijika ibengathi yinqwelo-ntaka okanye inyoka buqu.

“Ithi yakuthi muku emnyango indenze ndozele, ndibe nobuthongo obumnandi. Xa ime emnyango iye ilinde ndiyijonge, xa sele ndiyijongile iye ithi nyubelele ingene apha endlwini ithi iphantsi ibe iphezulu,” kutsho lo mama, ocele ukuba igama lakhe lingapapashwa koko kushiywe inombolo yomnxeba.

Eli xhegwazana lithi amehlo ale nyoka akafani, elinye libomvu, elinye limthubi.

“Ndithi ndisajonge lo nto, ndibone sele ndithe yoyi bubuthongo. Maxa wambi ndiye ndingayiboni ndive kukho into ephinziza apha emilenzeni yam, kanti yiyo yile nyoka. Ngamanye amaxesha ndikhe ndiyive ifuna ukungena apha ezimpundu kum, kodwa iphinde ijike,” kutsho eli xhegwazana.

Le nyoka, ngokokutsho kwalo mama, inentloko nomsila futhi iyazijika nokuba kukathathu ngemini.

“Xa sele ikufutshane nam iye ivuthele umoya oshushu endlebeni kum, ndizive ndifikelwa bubuthongo,” litsho eli xhegwazana.

Le nyoka ilifikele eli xhegwazana ngethuba lisenza udliwano-ndlebe lomnxeba wefowuni nephephandaba I’solezwe. “Nantso ngoku, iyandiva ukuba ndithetha nawe bhuti [ebhekisa kwintatheli].” Intatheli ithe yakuva oku, yabuza: “Uyayibona ngoku? Injani?” Impendulo yalo mama: “Ewe ndiyayibona bhuti nantsi apha phambi kwam, iphatha kubhabha ibephezu kwam ngoku ndithetha nawe ngefowuni.”

Lo mama uthi le nyoka ilayita ibe mhlophe qhwa ebusuku, futhi ngamanye amaxesha iye ivule umlomo oku kwesilo esibonakalisa iimpawu zokulamba okanye ukufuna ukutya into. “Sele ndayeka nokukhwaza abantu kuba xa befika, abayiboni. Ndihlala nomzukulwana wam apha endlini, naye akayiboni – ndim ndedwa lo uyibonayo,” kutsho lo mama.

Eli xhegwazana lithi licela uncedo nakuye nawuphi umntu onokubangela ukuba kugxothwe le nyoka emzini walo. Inombolo yalo mama ithi: 073 289 6177.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za