Uza kubolela ejele odlwengule umheza

Uza kuchitha ubomi bakhe bonke entolongweni uMelisizwe Mtshatsheni (30) emva kokuba efunyenwe yinkundla yamatyala akuCentane enetyala lokudlwengula intwazana ene-13 leminyaka izelwe.

Ukugwetywa kukaMtshatheni kulandela emva kokuba kunyaka ophelileyo ngenyanga kaTshazimpuzi wathi wabiza ixhoba elibizela kwigumbi lakhe lokulala kusemini, apho wafika watshixa ucango emva koko wavulela umculo phezulu ekubeni lingavakali xa likhwaza uncedo.

Ingxelo ephuma kwiSithethi seGunyabantu lezoTshutshiso uLuxolo Tyali, ithi ngethuba uMtshatsheni ebiza ixhoba nelingumakhelwane walo lalihamba nabantwana bakowalo ababini abangamakhwenkwe. Ukufika kwabo abantwana ekhayeni bachaza kubazali babo ukuba ixhoba livalelwe nguMtshatsheni ngaphakathi endlini.

UTyali uthi uMtshatsheni wabanjwa kwangoko ngamapolisa kwaye ityala zange aliphike kuba wayebona ubungqina bukhona bonke.

UMtshutshisi wetyala, uSiyabonga Manase, phambi kwenkundla udize ukuba ukuvuma ityala kukaMtshatsheni bekungezompawu zokubonisa ukuzisola ngathe wakwenza.

UManase uqhube wathi enkundleni, inkundla ize ingabinavelwano kuba ayikhange ibe lixhoba kuphela elive ubuhlungu, koko noobhuti bexhoba ababonayo xa wayevalelwa endlini udadewabo yindoda endala.

UMlawuli weeNkundla ePhondweni, uBarry Madolo, uncome umtshutshisi wetyala kwakunye nabecuphi betyala ngokuqinisekisa ukuba umenzi wobubi uyafumaneka kwaye uyagwetywa.