Ulilungu eliphezulu lecawe, uligosa eliphezulu kwisebe lezeMfundo kwaye ukwanguye notata kubantwana bakhe abane, kodwa kunjalo akakhange abonakalise kuzisola ngento embi ayenzileyo yokudlwengula umntwana oneminyaka emithandathu kuphela uLouis Pepping (58), ngokokutsho kweGunyabantu lezoTshutshiso.
UPepping wakuNgobozana eLusikisiki uza kuchitha ubomi bakhe bonke ejele emva kokuwiswa kwesigwebo sobomi yiNkundla ePhakamileyo yaseMthatha, ngoLwesihlanu, emva kokufunyanwa enetyala lokudlwengula intwazana eminyaka mithandathu.
Kwesi sigwebo sinikwe okaPepping kongezwe neminyaka emine ngaphezulu malunga netyala lokuphathaphatha intwazana ene15 leminyaka ubudala ngo2021, ngethuba uPepping engaphandle ngebheyile kwityala agwetyelwe lona lokudlwengula.
Intwazana (6) yayiyokuthenga iilekese evenkileni kuNgobozana, kwabonwa ingade ibuye kungomhla wokuqala kuMsintsi ka2019, neyabhaqwa sele isopha ngaphantsi kwaye ingcangcazela.
Isithethi seNPA, uLuxolo Tyali, uthi inkundla iqaphele ukuba uPepping akabonakalisi kuzisola konke konke xa bekuqhuba ityala. Uthi uPepping ufundile, unesihlalo esiphezulu kwaye bekufanele ukuba wazi ngcono. Kuyalelwe ukuba igama likaLouis Pepping lifakwe kuluhlu lwabaphatha gadalala ngokwezesondo kuzwelonke.
UMlawuli kwiNPA, uBarry Madolo, uthi akuqapheleyo ngempumelelo yeli tyala yintsebenziswano kubahlali, amapolisa, kwakunye nenkundla.
Ubomi ejele kutata owadlwengula unyana wakhe ona-8