UBreyten Breytenbach obengumbhali, imbongi nomzobi owaziwa kweli nakwihlabathi, uza kungcwatyelwa eParis ngoLwesibini weveki eyazo emva kokubhubha eneminyaka engamashumi asibhozo anesihlanu.
Ngaphandle kokuba ngumbhali weencwadi okwayimbongi, uBreytenbach ubekwaligqala lomzabalazo wenkululeko yeli elasebenzisa usiba ukulwa ingcinezelo yobandlululo eyayijoliswe kwabamnyama.
Le ngcungela yombhali yabanjwa ngo1975 ngenxa yencwadi yayo eyayisihloko sithi, ‘Confessions of an Albino Terrorist,’ neyabonwa njengethuka urhulumente welo xesha woMzantsi Afrika. Lo mbhali ubhale ngolwimi lwesibhulu kodwa engathetheleli ulawulo localulo, koko wayechasene ngamandla nobandlululo.
Umsebenzi wokubhala, ukubonga nokuzoba kaBreytenbach wamenza ukuba ahlonitshwe kweli nakwihlabathi kuba ethetha izinto ebezithandwa ngabanye logama bezingathandwa ngabanye.
Ngenxa yobunganga bakhe ngosiba umsebenzi wakhe uguqulelwe kwiilwimi ezininzi eziquka isiDatshi, isiFrentshi kwakunye nesiJamani. Ukungena korhulumente wesininzi kweli ngonyaka ka1994 umsebenzi wakhe obhaliweyo usetyenziswe kakhulu kumaziko emfundo aquka iiYunivesithi ngelizama ukuvula amehlo olutsha.
Le mbongi yalifulathela eli loMzantsi Afrika isinga kwilizwe laseFransi ngo1982, emva kokuba iphume eziseleni ngenxa yencwadi yayo eyayisithi ‘Confessions of an Albino Terrorist.’ Ilizwe laseFransi lamnika igunya lokuba abengummi wela lizwe osemthethweni uBreytenbach ukusukela ngoko.
Urhulumente welizwe loMzantsi Afrika uceba ukwenza isikhumbuzo salo mbhali ekuqaleni konyaka ozayo u2025 ngelinika imbeko kumsebenzi wakhe njengenzalelwane yelizwe loMzantsi Afrika.
UNjingalwazi Andries Visagie uthi ngenene ulifanele iwonga lokunikwa imbeko ekhaya eMzantsi Afrika uBreytenbach. Kuthiwa udlale indima ukucenga urhulumente wamabhulu neANC ukuba kuthethathethwane ukuze kuzalwe urhulumente wentando yesininzi, esenza oko emfihlakalweni.
ElaseTopiya lihamba phambili ngeenkomo eAfrika