Uza kuthetha athini uRamaphosa kwisizwe?

UMongameli uCyril Ramaphosa ngethuba kufungiswa iKhabhinethi entsha. Umfanekiso: Kopano Tlape/GCIS

Urhulumente uthathe isigqibo sokuba ivulwe ngomhla weshumi elinesibhozo kweyeKhala ngokusesikweni ipalamente kazwelonke eKapa.

Oku kwenziwe kwangqamana nomhla wokuzalwa kabawo uNelson Mandela okubhiyozelwa lihlabathi jikelele.

UMongameli weli uCyril Ramaphosa uza kwenza intetho ephambili ngalo mhla kwiholo yedolophu yaseKapa. Kule ndawo, kulapho ubawo uMandela wathi wenza intetho yakhe yokuqala emva kokuba ephume kwintolongo iVictor Verster kwiintaba zaseBholani.

Intetho kaRamaphosa yandulelwe ziintetho zohlahlo labiwo mali ezenziwe ngamasebe ahlukeneyo kaRhulumente.

Ezi ntetho zenziwa ngabaphathiswa bala masebe becacisa izixa mali ezizakusetyenziswa ngamasebe abo. Kulindeleke ukuba uRamaphosa acacisele isizwe ngendlela ebheka phambili kurhulumente wokuqala wobumbano wemibutho eyahlukileyo.

Emva kokwahluleka kombutho weANC ukufumana inani elivisayo lokuzilawulela, inyanzeleke ukuba icenge ilima kweminye imibutho. Oku kwenza ukuba kungabilula kakhulu ukuthatha izigqibo ezithile kuRamaphosa neqela lakhe.

Kule ndibanisela unyanzeleke ukuba anikise ngamasebe athile aquka isebe lezolimo, uhlengahlengiso lomhlaba nophuhliso lwamaphandle, ezemfundo namanye amasebe. Inguqu eyenzeke kunyulo olugqithileyo ishiye abantu belizwe loMzantsi Afrika benezimvo ezixubileyo ngekamva lelizwe.

Sele zicaca iimpawu zokujijisana malunga nemigaqo nkqubo ekumele ilandelwe ngamasebe. UHelen Zille weDA ukubeke kwacaca okokuba akanakulandela imigaqo nkqubo yeANC xa elawula amasebe aphantsi kweDA.

Uthi imigaqo nkqubo yeANC isilele ukuphucula nokuguqula iimpilo zabantu boMzantsi Afrika. URamaphosa kulindeleke ukuba acacise ngeendlela neenkqubo ezizakulandelwa ngurhulumente wakhe ukusa ilizwe loMzantsi Afrika phambili.

Umbutho weMK Party kaJacob Zuma kwakunye ne-EFF iphakathi kwemibutho ethathe isigqibo sokuhlala kwicala lemibutho ephikisayo epalamente.