Uza kutyhila umfanekiso kaShaka uRamaphosa

Umfanekiso oqingqiweyo kaShaka Zulu owenziwa nguAndries Botha owasuswayo. Umfanekiso: The Witness

UMongameli weli uCyril Ramaphosa uza kutyhila ngokusesikweni umfanekiso weKumkani yokuqala yesizwe samaZulu, uShaka Zulu, kwisikhululo seenqwelomoya iKing Shaka International Airport eThekwini ngomso.

Lo mfanekiso wawuqingqwe phambi konyaka ka2010 waza waphindwa wothulwa emva kokuba kwabakho isikhalo ngendlela owakhiwe ngayo.

UShaka yiKumkani yamaZulu ezibalule ngamandla ngokukhulisa nokumisa ubuKumkani besa sizwe ngokusifundisa ukuthanda amasiko nezithethe zaso.

URamaphosa ukutyelelo eThekwini ukuya kuqhuba Imbizo yakhe yaminyaka le ethi ihambele izithili zooMasipala ukuya kumamela iingxaki zoluntu.

UNjingalwazi Sihawu Ngubane ucacisa ukuba kwakutheni uze uphinde wothulwe lo mfanekiso yeKumkani yamaZulu ngo2010.

“Ecaleni kwalo mfanekiso kwakukho iinkomo zeNguni, ihawu lakhe nomkhonto zazibekwe phantsi, oku kwakubonisa ingathi ungumalusi weenkomo,” kutsho uNgubane.

Ngexesha lokuphila kwakhe uShaka ujijisene neeKumkani eziquka – uFaku kaNgqungqutshe, Ngubengcuka wabaThembu nezinye ebeziphila ngexesha lakhe.

Le Kumkani izibalule ngamandla ngokusuluza ezinye iiKumkani neeNkosi izifaka ngenkani phantsi kobuKumkani bayo. “Lo mfanekiso ubuchithwe nangenxa yokuba ubumncinci kakhulu, ubungangqinelani nobunganga bukaShaka,” kutsho uNgabane.

URhulumente ebambisene nekomkhulu lakwaZulu bakhe umfanekiso oqingqiweyo kaShaka ngemali ekwizigidi ezine zeerandi ngeenjongo zokunika le ngadluma yakwaZulu isihomo nesidima sayo.

Umfanekiso wangaphambili kaShaka wawenziwe nguAndries Botha ngokugunyaziswa nguRhulumente wephondo laseKZN. Umfanekiso oza kutyhilwa nguRamaphosa ubude buziimitha ezilishumi elinanye ukubheka phezulu, kwaye uchazwa ukuba unazo zonke iimpawu zikaKumkani uShaka.

NguPeter Hall othe wanikwa uxanduva lokuba enze ngokutsha umfanekiso kaShaka ekulindeleke ukuba utyhilwe nguRamaphosa.